Yiya kwinkcazelo

UIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova eBaku

DISEMBA 11, 2017
EAZERBAIJAN

INkundla YaseAzerbaijan Inika UIrina Zakharchenko NoValida Jabrayilova Imali Kuba Bebephethwe Kakubi

INkundla YaseAzerbaijan Inika UIrina Zakharchenko NoValida Jabrayilova Imali Kuba Bebephethwe Kakubi

NgoAgasti 4, 2017, inkundla yesithili saseBaku, eAzerbaijan, inike amaNgqina amabini imali, uIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova kuba bebevalelwe entolongweni iinyanga eziyi-11 ngokungekho mthethweni. Nangona le mali ingeyonto xa ithelekiswa nendlela ebebephethwe kabuhlungu ngayo, inkundla ibonile ukuba abasemagunyeni babavalela ngezizathu ezingenasihlahla, babaphatha kabuhlungu, babonzakalisa baza babangela nokuba badume kakubi.

Isigqibo SeNkundla Ephakamileyo Sincede Kwafakwa Isibheno Sokuba Anikwe Imali Ngenxa Yokuphathwa Kakubi

NgoFebruwari 8, 2017, iNkundla Ephakamileyo yaseAzerbaijan ibafumanise bengenatyala uIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova kuba bebenika abantu iincwadi ezithetha ngeBhayibhile bengakhange bavunyelwe ngurhulumente. INkundla yafumanisa ukuba yavunyelwa ukuba ingene kwelo lizwe le ncwadana kwakuthethwa ngayo ethi, Fundisa Abantwana Bakho ibe yayingabafundisi izinto ezingafanelekanga abantu. Ukongezelela koko, iNkundla yafumanisa ukuba la mabhinqa ayenalo ilungelo lokuthetha nabanye abantu ngezinto azikholelwayo. Xa iNkundla Ephakamileyo yayisenza esi sigqibo yathetha ngamalungelo akhuselwa nguMgaqo-siseko waseAzerbaijan nakhuselwa sisivumelwano samazwe asehlabathini lonke eyavumelana naso iAzerbaijan.

INkundla Ephakamileyo ikuyekele ezandleni zeenkundla zomthetho ukubhatalwa kwala mabhinqa. Emva koko, uIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova bakhalaza kwiNkundla Yesithili yesixeko saseBaku eNasimi, befuna ukubhatalwa imali yabo liSebe Lezemali kuba bebephethwe kakubi liSebe Lezokhuseleko Lelizwe nelangena ezihlangwini zalo, iSebe Lezokhuseleko likarhulumente. Omabini la mabhinqa ayekhona enkundleni, nangona uIrina Zakharchenko wayengaphilanga. Ijaji uShahin Abdullayev yabavumela ukuba babalise ngezinto ezibuhlungu ezabehlelayo.

INkundla Yesithili Iyakuphelisa Ukuphathwa Kakubi Kwabantu

Inkundla yesithili ithe iAzerbaijan imele iwahlonele amalungelo abantu abahlala khona yaza yazenza nezinye izinto ebezifunwa ngamaNgqina. UIrina Zakharchenko ongenampilo ngenxa yezi zinto zibuhlungu zimehleleyo, unikwe iidola eziyi-5 737 yena uValida Jabrayilova ongaphantsi kuye ngeminyaka ufumene iidola eziyi-4 828. Isigqibo senkundla sithe: “INkundla ikholelwa ekubeni ukuvalelwa kwabantu ngokungekho mthethweni ngabamangali nokubaphatha kakubi ngenxa yezizathu ezingenasihlahla kubangele umonakalo.”

ISebe Lezemali lifake isibheno ngesigqibo senkundla sokunikwa kwala mabhinqa angamaNgqina imali kuba eye aphathwa kakubi. NgoNovemba 20, 2017, iNkundla Yesibheno yaseBaku isikhabile isibheno seli sebe yaza ayasitshintsha isigqibo esenziwe yinkundla yesithili.

Ngaba Izigqibo Zenkundla Ziza Kuwanceda AmaNgqina?

AmaNgqina KaYehova asaqhubeka ekhonza nangona engahlonelwa amalungelo awo okukhonza ngokukhululekileyo ibe engakhuselekanga. Asaqhubeka ephathwa kakubi ibe ehlawuliswa kuba ehlanganisana okanye esenza nantoni na ebenza basondele kuThixo. Urhulumente akakathi ingenziwa imisebenzi engenanto yakwenza nomkhosi ngabo bangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yesazela. Abasemagunyeni abavumanga ukuba amaNgqina abhalise ngokusemthethweni ngaphandle kwaseBaku. Sithethanje, kukho izicelo eziyi-18 ezikwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu nezikhalazo eziyi-11 ezikwiKomiti Yamalungelo Abantu ezithetha ngendlela amaNgqina KaYehova aphethwe kakubi ngayo eAzerbaijan.

AmaNgqina KaYehova asehlabathini lonke anethemba lokuba izigqibo zenkundla zakutshanje ziza kwenza amagosa awahlonele amalungelo amaNgqina aseAzerbaijan.