FEBRUWARI 10, 2017
EAZERBAIJAN
INkundla Ephakamileyo YaseAzerbaijan Yabafumana Benganatyala UIrina Zakharchenko NoValida Jabrayilova
NgoFebruwari 8, 2017, iNkundla Ephakamileyo yaseAzerbaijan yabafumana benganatyala uIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova ngomsebenzi ababewenza wokusasaza iincwadi zeBhayibhile ngaphandle kwemvume karhulumente. Ijaji uHafiz Nasibov, weCriminal Board of the Supreme Court, uthe iNkundla ayiwabeki tyala la mabhinqa ngomsebenzi wawo kwaye iyazikhaba izigqibo ezenziwe ziinkundla ezingaphantsi.
Ebudeni betyala, amagqwetha ala mabhinqa abonise phandle ukuba urhulumente uye walityeshela ilungelo lawo elibalulekileyo ngokubaphatha ngenkohlakalo nokubaxhaphaza. INkundla iwanike ithuba lokuba achaze izinto aye azinyamezela ebudeni beenyanga ezingaphezu kweziyi-11 xa ebesohlwaywa nendlela ekuwachaphazele ngayo oko.
UJason Wise igqwetha leNkundla Elwela Amalungelo Abantu Ehlabathini Lonke uthe: “Sivuya kakhulu kuba iCriminal Board of the Supreme Court izirhoxisile ezi zityholo. Iwavuyisa kakhulu amaNgqina KaYehova aseAzerbaijan le nto yokukhatywa kwezigqibo zeenkundla ezingaphantsi. Siyathemba ukuba nayo iNkundla yeSithili saseBaku Sabail iza kulihlonela ilungelo lokuwabuyekeza la mabhinqa.”