DISEMBA 29, 2017
EBOLIVIA
AmaNgqina KaYehova Anikwa Iimbasa Ngokubonisa Ngezithethe Zasekuhlaleni Kwindibano YeNgingqi EbiseBolivia
ESANTA CRUZ, eBolivia—Ngo-Oktobha 27-29, 2017, abantu abaphantse babeyi-17 000 abasuka kumazwe ayi-20, beza kwindibano yengingqi yamaNgqina KaYehova eCochabamba, eBolivia. Imangaliswe yiloo ndibano, imibutho emibini yanika amaNgqina iimbasa zokulungisa indawo ababeyiqeshile, nokwakha imiboniso yezithethe ezahlukeneyo zaseBolivia.
AmaNgqina KaYehova aqalisa ukusebenzisa ibala ekuthiwa yiFundación para la Feria Internacional de Cochabamba (FEICOBOL) ukususela ngo-2012. Ngokuqhelekileyo amaNgqina adla ngokucoca kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kwendibano. Kodwa kuba kwakulungiselelwa abantu abaninzi, amaNgqina amalunga nayi-4 900 ancedisa ukulungisa ibala ngaphakathi nangaphandle kangangeentsuku eziyi-15. Apeyinta, alungisa imibhobho yamanzi aza afaka oomatshini beevidiyo nezinto ezirekhodiweyo. Enza neminye imisebenzi yangaphandle njengegadi, alungisa izitulo nezibane.
AmaNgqina asekuhlaleni akha imyuziyam ebonisa izithethe zalapho ukuze afundise iindwendwe ezingaphezu kweziyi-1 800 ngeBolivia. Yayikwabonisa nezityalo nezinto zalapho ezipeyintiweyo. Yayikwanazo neentlobo ezintathu zezindlu ezahlukeneyo zaseBolivia awathi kamva amaNgqina azinika iFEICOBOL.
UAldo Vacaflores, umongameli webhodi yabaphathi beFEICOBOL, owanika amaNgqina imbasa ngomsebenzi oncomekayo wawo wathi: “Simangalisekile yindlela abazinikele ngayo abantu becawa yenu.” Wongeza wathi:“Nizimisele ibe nizinikele ekwenzeni le ndibano iphumelele ibe nabantu abezayo baza kuyivuyela. Iza kuba ngumzekelo le nto kuthi.”
Ngenxa yokuchukunyiswa yimyuziyam ababeyenzile, iofisi karhulumente eseCochabamba, iDepartmental Council of Cochabamba Culture yanika amaNgqina imbasa. USdenka Fuentes, umongameli weli qela wawabulela amaNgqina ngokukhetha iCochabamba njengendawo yokubambela le ndibano, ethetha nangemyuziyam ebonisa izithethe zaseBolivia.
UGarth Goodman, isithethi samaNgqina KaYehova eBolivia, sathi: “Le ndibano ibinabantu abayi-49 320 abaquka abantu abakwizixeko ezintandathu ebebemamele bekuzo. Siyavuya kuba abantu basekuhlaleni bekuxabisile ukuhlonipha kwethu iBolivia nezithethe zayo.”
AmaNgqina KaYehova eBolivia ebefundisa ngeBhayibhile ukususela ngo-1924. Izinto ezimbini ezenziwe ekuqaleni kuka-2017 kukukhululwa kwenguqulelo yeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike (“ITestamente Entsha”) ngesiQuechua nangesiAymara.
Ongaqhagamshelana Nabo:
EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
EBolivia: UGarth Goodman, +591-3-342-3442