Yiya kwinkcazelo

JULAYI 18, 2019
EBRAZIL

ESão Paulo, EBrazil—2019 “Uthando Alusoze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe

ESão Paulo, EBrazil—2019 “Uthando Alusoze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe
  • Usuku: Julayi 12-14, 2019

  • Indawo: ESão Paulo Expo eseSão Paulo, eBrazil

  • Iilwimi Ebiqhutywa Ngazo Indibano: Intetho yezandla yaseBrazil, isiNgesi, isiFrench, isiTaliyane, isiPhuthukezi neSpanish

  • Abantu Abebekhona: 36 624

  • Abantu Ababhaptiziweyo: 291

  • Iindwendwe Ezisuka Kwamanye Amazwe: 7 000

  • Iindawo Ezimenyiweyo: IAngola, iArgentina, iBelgium, iCzech-Slovak, iFransi, i-Italy, iMozambique, iPortugal, iScandinavia, iSuriname, iTrinidad neTobago, iUnited States, iVenezuela

  • Izinto Ezathethwa Ngabantu Basekuhlaleni: UMaria Luiza Gonçalves osebenza eSão Paulo Zoo, nowamkele iindwendwe wathi: “Maninzi amaqela akhe aze apha. Sifumana iindwendwe ezininzi qho ngonyaka kodwa zange ndababona abantu abanobubele nabanocwangco kanje. Ningabantu abanothando nyhani. Lubonakala kwindlela ebenisangana ngayo, kwindlela ebeniphathana ngayo nakwiingoma zenu.”

 

Abazalwana noodade basekuhlaleni bamkela iindwendwe ezifika eSão Paulo Guarulhos International Airport

Abazalwana abane baseSão Paulo nabakwiofisi yesebe yaseBrazil bathetha neentatheli ngendibano yezizwe ngezizwe

Iindwendwe zishumayela nabazalwana basekuhlaleni eSão Paulo

Ngosuku lokuqala lwendibano iindwendwe zingaphandle kwindawo eza kuba nendibano

Abazalwana noodade bathatha amanqaku kwiintetho zendibano

UMzalwan’ uSamuel Herd weQumrhu Elilawulayo unikela intetho yokuvala ucwangciso lwangoLwesihlanu

Abazalwana babhaptiza abazalwana noodade ngoMgqibelo emva kwemini

Oodade batolika endibanweni besebenzisa iintetho zezandla yabantu abangevayo nabangaboniyo

Iindwendwe ziyafotwa ngaphandle kwendawo ebinendibano

Abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo elikhethekileyo babhabhayisa abanye xa kuphela ucwangciso lwangeCawa