Yiya kwinkcazelo

Iimvula ezinkulu nodaka oluninzi lonakalise iintaba kwisixeko sase Petrópolis

FEBRUWARI 23, 2022
EBRAZIL

Iimvula Ezinkulu Nodaka Oluninzi Lonakalise Iintaba Kwisixeko SaseBrazil

Iimvula Ezinkulu Nodaka Oluninzi Lonakalise Iintaba Kwisixeko SaseBrazil

NgoFebruwari 15, 2022, iimvula ezinkulu nodaka oluninzi luye lwabulala abantu kwiintaba zesixeko sasePetrópolis kummandla waseRio de Janeiro, eBrazil. Le ntlekele iye yatshabalalisa amakhaya neendawo zokusebenza. Iimvula ezisentimitha eziyi-26 yanetha ngeeyure nje eziyi-24.

Imeko Yabazalwana Noodade

  • Kuye konzakala umzalwana oyi-1 waza wasiwa kwisibhedlele esikufutshane. Okubuhlungu kukuba unyana wakhe oneminyaka eyi-2 uye wasweleka emva kokugqunyelelwa ludaka oluninzi

  • Kuye kwaphinda kwasweleka omnye umzalwana

  • Abavakalisi abayi-86 baye bashiya amakhaya abo

  • Amakhaya ayi-2 amoshakele

  • Amakhaya ayi-15 aye onakaliswa kakhulu

  • IiHolo zoBukumkani eziyi-2 zimoshakele kancinci

Indlela Abancedwe Ngayo

  • Kwamiselwa iKomiti Yokunceda Xa Kukho Intlekele ukuze incedise

  • Umveleli wesiphaluka nabadala bebandla babalungiselela ukutya, amanzi, nezinto zokunxiba, ibe babakhuthaza ngeZibhalo

  • Abazalwana noodade abashiye amakhaya abo bahlala nabantu abazalana nabo abanye bahlala neentsapho zamaNgqina

  • Bonke abo bancedisa kulo msebenzi bathobela imiyalelo yeKhorona

Sithandazela abazalwana noodadewethu abasentlungwini ngenxa yale ntlekele, sisazi ukuba uYehova uza ‘kuzithuthuzela iintliziyo zabo azenze zingagungqi’ ingakumbi abo baye baswelekelwa ngabantu ababathandayo.—2 Tesalonika 2:16, 17.