Yiya kwinkcazelo

Ekhohlo: Imaphu ebonisa iindawo ekushunyayelwe kuzo kwiphulo leenyanga eziyi-4. Imifanekiso (ekhohlo ukuya ekunene): Abazalwana noodade abathetha isiWapishana, isiXavante, nesiHunsrik bayashumayela

AGASTI 8, 2024
EBRAZIL

Iphulo Lokushumayela EBrazil Lincede Kwatyalwa Imbewu Yenyaniso Ngeelwimi Eziyi-11

Iphulo Lokushumayela EBrazil Lincede Kwatyalwa Imbewu Yenyaniso Ngeelwimi Eziyi-11

Ukususela ngoMatshi 1 ukuya ngoJuni 30, 2024, amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-1 000 aye aya kwiphulo lokushumayela eBrazil. Eli phulo liye lenziwa kanye ngexesha ebekukhululwa incwadana ethi, Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! ngeelwimi eziyi-11 ezithethwa apho. Imiphumo yaba mihle kakhulu, kuba abantu abamalunga ne-300 bacela ukuqhutyelwa izifundo seBhayibhile.

Oodade ababini bancokola nendoda ethetha isiHunsrik eNova Petrópolis

Xa abavakalisi babethetha nelinye ibhinqa elithetha isiXavante eCampinápolis lababuza: “Nini aba benza iividiyo ngolwimi lwam? Kudala ndinikhangela. Ndide ndanifumana!” Lathi lalikhe lafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova kodwa layeka, kuba lalingasazi kakuhle isiPortuguese. Emva kokuba livile ukuba iincwadi zethu zikhona ngoku ngesiXavante, lakhangela amaNgqina. Laphinda laqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

ESanta Maria de Jetibá, omnye udade wayebuyele kathathu kwelinye ibhinqa elalinomdla elithetha isiPomeranian. Xa wayesiya okwesithathu, eli bhinqa lathi lalithandaze kuThixo ngaphambi kokuba badibane okokuqala, licela uThixo ukuba alifundise indlela efanelekileyo yokumkhonza. Lakuvuyela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

Kwenye ilali encinci ekumazantsi eBrazil, abazalwana badibana nelinye ibhinqa elalithetha isiKaingang elaliqala ukudibana namaNgqina kaYehova. Abazalwana baye balifundela iNdumiso 83:18, balicacisela ukuba igama likaThixo nguYehova. Layivuyela loo nto kuba laliqala ukuva ukuba uThixo unalo igama. Lakhawuleza lasamkela isifundo seBhayibhile.

UPhila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! ngesiHunsrik, ngesiKaingang, ngesiKaiwá, ngesiMacushi, ngesiNhengatu, ngesiPomeranian, ngesiSateré-Mawé, ngesiTalian, ngesiTicuna, ngesiWapishana, nangesiXavante. Eli phulo liye lenziwa kanye ngexesha ebekukhululwa ngalo ezi ncwadana

Sikunye nabazalwana noodade baseBrazil, kuyasivuyisa ukuva ukuba abantu abaninzi bayaziva ‘iindaba ezilungileyo eziza kuhlala ngonaphakade,’ ezifumaneka kwiLizwi likaThixo ukuze nabo bakwazi ukuzukisa uYehova.—ISityhilelo 14:6, 7.