Yiya kwinkcazelo

IHolo yeNdibano ekwidolophu iRecife, ePernambuco, eseBrazil

JUNI 10, 2022
EBRAZIL

Izikhukula Kunye Nokudilika Komhlaba Kwenze Umonakalo Omkhulu eBrazil

Izikhukula Kunye Nokudilika Komhlaba Kwenze Umonakalo Omkhulu eBrazil

Ukuqala ngoMeyi 25 2022, iimvula ezinkulu zibangele izikhukula nokudilika komhlaba empuma ntshona yeBrazil. Ezona ndawo zimoshakele kakhulu yiAlagoas nePernambuco, kangangokuba iidolophu zazo eziyi-42 zidinge uncedo olukhawulezileyo. Abantu abayi-129 baye basweleka, baza abayi-145 000 kwafuneka bashiye amakhaya abo.

Izinto Ezenzeke Kubazalwana Noodade

  • Akukho nomnye kubazalwana noodade oye wasweleka

  • Abavakalisi abathathu bonzakele kancinci

  • Amakhaya ayi-280 abavakalisi amoshakele

  • Amakhaya ayi-22 wona amoshakele kakhulu

  • IiHolo ZoBukumkani eziyi-23 zimoshakele kancinci

  • IiHolo yeNdibano enye iye yamoshakala kakhulu

Ukunceda Emva Kwentlekele

  • IKomiti Yokunceda Abantu Abehlelwe Yintlekele iye yanceda abavakalisi abangaphezu kwe-600 ngezinto abazidingayo nangokubathuthuzela ngeLizwi likaThixo

  • Bonke abazalwana nodade abebencedisa baye bagcina imithetho yekhorona

Sithandazela ukuba abazalwana bethu “baqhubeke befuna amandla eNkosini,” njengoko benyamezele le ntlekele.—Efese 6:10.