Yiya kwinkcazelo

Ukutsha kwamahlathi konakalisa idolophu iÑipas kwiNgingqi yaseÑuble eChile

FEBRUWARI 17, 2023
ECHILE

Ukutsha Kwamahlathi Kubangele Umonakalo Omkhulu Kumbindi WeChile

Ukutsha Kwamahlathi Kubangele Umonakalo Omkhulu Kumbindi WeChile

Ukutsha kwamahlathi kubangele umonakalo omkhulu eChile, kokwesibini kwiminyaka engaphantsi kweyi-10 isenzeka le nto. Amagosa aye afumana imililo engekacimi engaphezu kweyi-300 kulo lonke ilizwe ukususela ekuqaleni kukaFebruwari 2023. Ngoko kwiindawo ezininzi kusatsha. Le mililo iye yatshabalalisa umhlaba oziihektare ezingaphezu kwe-430 000 (1 062 553 acres) kumbindi okwiingingqi weAraucanía, iBiobío, neÑuble. Kukho iingxelo zokonakala kweendlela, kuquka nezibhedlele. Le mililo iye yabangela umonakalo kubantu abayi-6 000, ibe izindlu ezingaphezu kweziyi-1 500 ziye zadilika. Okwangoku, bayi-25 abantu abaswelekileyo.

Izinto Ezenzeke Kubazalwana Noodade

  • Ikhaya lomnye udade elitshileyo kwidolophu iTomé, kwiNgingqi yaseBiobío

    Akukho nomnye kubazalwana noodade oye wasweleka

  • Abavakalisi abayi-222 kuye kwanyanzeleka ukuba bashiye amakhaya abo; abayi-76 abakakwazi ukubuyela kuwo

  • Amakhaya ayi-18 aye adilika

  • Azikho iiHolo zoBukumkani eziye zonakala

Indlela Abancedwa Ngayo

  • Abadala basekuhlaleni nabaveleli besiphaluka babonisa uthando ngokukhuthaza abo baye behlelwa yintlekele

  • Kuye kwamiselwa iKomiti Yokunceda Xa Kwehle Intlekele ukuze kuncedwe abazalwana

Kula maxesha anzima, abazalwana noodade wethu bangaqiniseka ukuba uYehova, “osithuthuzelayo kubo bonke ubunzima esijamelene nabo,” usondele kubo.—2 Korinte 1:4.