Yiya kwinkcazelo

MEYI 15, 2015
ECHILE

AmaNgqina Alungiselelela Ukuya Kunceda Amaxhoba Ezikhukula EChile

AmaNgqina Alungiselelela Ukuya Kunceda Amaxhoba Ezikhukula EChile

IHolo YoBukumkani eCopiapó ibigutyungelwe ngamanzi nodaka.

ESANTIAGO, eChile—NgoMatshi 25, 2015 ummandla okumntla weAtacama wagutyungelwa zizandyondyo zemvula eyehlisa udaka oluninzi ezintabeni neyabangela izikhukula. Akuzange kune imvula engako kuloo mmandla kangangeminyaka eyi-80. Le ntlekele yachaphazela abantu abangaphezu kwe-30 000, abaphantse babeyi-3 000 bahlaliswa kwiindawo ezenzelwe iimeko zongxamiseko yaye bayi-25 abaswelekayo apho.

Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eChile ithe, akukho maNgqina aswelekileyo okanye enzakeleyo. Noko ke, loo mvula yabhodloza amakhaya asixhenxe amaNgqina ibe amaninzi awo onakala. Enye iHolo YoBukumkani, indawo yokunqula, yabhodloka zaza ezinye ezimbini zonakaliswa zezo zikhukula.

Isakhiwo esibhodlokileyo kwidolophu yaseDiego de Almagro edlakazwe zizikhukula.

ECopiapó, enye yeedolophu ezantlithwa zizikhukula, amaNgqina KaYehova amisela ikomiti yokunceda ukuze iqokelele iinkcukacha ize ivelele umsebenzi wokucoca. Kwathunyelwa nommeli weofisi yesebe ukuba aye kukhuthaza amaNgqina akuloo mmandla ngeLizwi likaThixo. AmaNgqina akwidolophu yaseAntofagasta, eArica, eCalama, eCaldera, eIquique naseLa Serena akhawuleza athumela izinto zokunceda amaKristu akhonza nawo.

KwiHolo YoBukumkani ekwidolophu yaseAlto Hospicio, amaNgqina alayisha izinto zokunceda eziya kummandla wentlekele.

UJason Reed, osisithethi samaNgqina KaYehova eChile, wathi: “Siyavelana namaxhoba ale ntlekele, ibe ikomiti yethu yokunceda ilungele umsebenzi wokucoca nowokwakha oza kuthath’ ixesha. Sifuna ukuthuthuzela nokukhuthaza wonke umntu oxhelekileyo zezi zikhukula.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Chile: Jason Reed tel. +56 2 2428 2600