APRILI 24, 2017
ECOLOMBIA
Udaka Oluninzi Olwabulala Abantu KuMzantsi WeColombia
Ngentseni yangoMgqibelo ngoAprili 1 2017, kwaphuphuma imilambo emithathu kwisixeko esikufutshane naseMocao, ikomkhulu lephondo laseColombia iPutumayo, nto leyo eyabangela udaka oluninzi olwabulala abantu abaninzi. Okubuhlungu kukuba, iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseColombia ikhuphe ingxelo ethi, le ntlekele ibulele amaNgqina KaYehova amabini elinye alikabonwa. Ukongezelela koko, iintsapho zamaNgqina ezintlanu azisenamakhaya. AmaNgqina kaYehova ancede amaxhoba ngokutya, amanzi, ipetroli, iindawo zokuhlala, yaye abadala abangamaNgqina abakhuthaza ngeZibhalo. Iofisi yesebe iqhubeka iyilandelela le meko yaye iyawuxhasa umsebenzi owenziwayo.
Ongaqhagamshelana Nabo:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
EColombia: UWilson Torres, +57-1-8911530