Yiya kwinkcazelo

JULAYI 25, 2014
ECROATIA

AmaNgqina Anceda KwiiBalkans

AmaNgqina Anceda KwiiBalkans

EZAGREB, eCroatia—Abameli beofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseJamani kunye neekomiti zokunceda ngamaxesha eentlekele ziye zanceda kummandla othwaxwe zizikhukula ezingazange zibonwe ngaphambili eBosnia-Herzegovina, eCroatia naseSerbia. Izandyondyo zemvula ezinethe kwiiBalkans ngoMeyi 13-15, 2014 ziye zakhukulisa umhlaba izihlandlo ezimalunga neziyi-3 000.

Ezi komiti zincedayo ziye zalungiselela ukutya, impahla indawo yokufak’ intloko kunye neenqwelo zokuthutha abo bathwaxwe yintlekele. Nangona engekho amaNgqina kaYehova aye asweleka okanye onzakala, kukho amakhaya ayi-14 aye adilika okanye amoshakala. Nenye iholo ebengenela kuyo amaNgqina idilikile. Ngoku ezi komiti zilungiselela ukulungisa la makhaya amoshakeleyo nokumisa izindlu esele zakhiwe.

Isithethi seofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eCroatia, uJosip Liović uthi: “Sivuyiswa kukwazi ukuba awekho amaNgqina onzakeleyo kule ntlekele, kodwa sekunjalo sikhala nabo basentlungwini ngenxa yokuswelekelwa ngamalungu eentsapho nezihlobo. Sithuthuzela abamelwane bethu kuyo yonke le ngingqi yeeBalkans. Sinombulelo ongazenzisiyo nakubahlobo bethu baseJamani abaqhubeka benceda kula maxesha anzima.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

ECroatia: UJosip Liović, tel. +385 91 5336 511

ESerbia: UDaniel Domonji, tel. +381 11 405 99 00