Yiya kwinkcazelo

NGOFEBRUWARI 28, 2022
EDEMOCRATIC REPUBLIC OF CONGO

IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike NgesiKipende

IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike NgesiKipende

NgoFebruwari 20, 2022, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiKipende yakhululwa kucwangciso olurekhodwe kwangaphambili. Ilungu leKomiti yeSebe eCongo (Kinshasa), uMzalwana uNicolas Hifinger, wakhulula iBhayibhile ekwi-elektroniki kubavakalisi abamalunga ne-10 000. Eziprintiweyo ziza kufumaneka ngoAprili 2022.

AmaNgqina kaYehova athetha isiKipende aqalisa ukubakhona pha koo-1960, xa indoda ekuthiwa nguMakanda Madinga Henri yafumana iMboniselo. Emva kokuyifunda, yaqiniseka ukuba yinyani le yaza yaqalisa ukuxelela abanye ngezinto ezifundayo. Yade yabhaptizwa yaliNgqina likaYehova. Ekuhambeni kwexesha kwabakho ibandla lokuqala elithetha isiKipende eKiefu ngo-1979.

Iofisi yokuguqulela yesiKipende eseKikwit, ibe ziikhilomitha eziyi-500 ukusuka kwiofisi yesebe eKinshasa

Le Bhayibhile iza kunceda abazalwana noodade wethu xa bezifundela naxa beshumayela iindaba ezilungileyo. Ngokomzekelo uMzalwana uHifinger wathi, le Bhayibhile “ichanile futhi icacile,” futhi “ilibuyisele igama likaYehova kwiindawo elasuswayo kuzo.”

Sithandazela ukuba le Nguqulelo Yehlabathi Elitsha incede abazalwana noodade wethu baqhubeke ‘bevelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi omhle abawenzayo yaye baye bemazi ngendlela echanileyo uThixo.’—Kolose 1:10.