JANUWARI 21, 2022
EDEMOCRATIC REPUBLIC OF CONGO
Kwakhiwa Iizakhiwo Ezitsha ZaseBheteli EDemocratic Republic of the Congo
Kwakhiwa isakhiwo esitsha esiza kuba lelona sebe lalapho eLubumbashi eseDemocratic Republic of the Congo. Kweli sebe litsha kuza kuhlala abasebenzi baseBheteli abayi-260 ibe baza kuqalisa ukungena kulo ngoMeyi 2022 ibe abayi-131 baza kuhlala kweli sebe laseKinshasa. a Kuye kwaqaliswa ukwakhiwa iiofisi neendawo zokuhlala kufuphi neli sebe laseKinshasa. Abazalwana baseBheteli abayi-48 balungiselela ukuyohlala kuzo emva koJanuwari 2024. Zombini ezi zakhiwo ziza kuxhasa umsebenzi wethu owenziwa eCongo.
Kunyaka wenkonzo wango-2021 abazalwana bethu baseDemocratic Republic of the Congo baqhube izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwe-250 000. KwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu bekuye abantu abangaphezu kwabayi-1 000 000. Ngoku, kukho abasebenzi abayi-394 baseBheteli kwisebe laseKinshasa.
Abazalwana kwafuneka bakhangele iindawo ababeza kwakha kuyo kwezinye iidolophu kuba babengazokwazi ukuyenza loo nto kwisakhiwo saseKinshasa. Bafumana indawo entle eLubumbashi apho babeza kukwazi ukwakha isebe elitsha kunye nezinye iizakhiwo ekuhambeni kwexesha.
Isakhiwo saseLubumbashi sikude ngeekhilomitha eziyi-2 300 kwesaseKinshasa. Izihektare eziyi-12 ibe iinendawo zokuhlala, iiofisi, iindawo zokulungiselela izinto indawo yokutyela nendawo yokuzonwabisa.
Kwaqaliswa ukwakhiwa ngo-2020 ngoNovemba kodwa ke kwakho iingxaki ezininzi ngenxa yeKhorona.
Umzalwana uRobert Elongo, okwikomiti yesebe laseCongo (Kinshasa) uthi: “Kwavalwa iibhoda. Kwakunzima kakhulu ukuzisa izinto zokwakha ibe loo nto yenza ulwakhiwo lwathatha ixesha.”
Nangona kunjalo umzalwana uElongo uthi, “Kunyaka nje omnye sesenze umsebenzi ophantse ube yihafu kulowo besifuna ukuwenza.”
Icacile ukuba uYehova uyawusikelela lo msebenzi. Siyathandaza ukuba xa abantu bezibona ezi zakhiwo ziza kuzisa uzuko kwigama likaThixo uYehova.—Mateyu 24:47.
a Isebe laseKinshasa lijongene nomsebenzi owenziwa eDemocratic Republic of the Congo naseRepublic of the Congo.