JULAYI 25, 2017
EDEMOCRATIC REPUBLIC OF CONGO
AmaNgqina KaYehova Anceda Amaxhoba Eengxwabangxwaba ZaseCongo
EKINSHASA, eCongo—AmaNgqina KaYehova aye aphathela amanye amaNgqina izinto zokuwanceda ibe awakhuthaze nangeBhayibhile kuba eye ahlaselwa kumlo obuseKasai, eDemocratic Republic of the Congo. Imilo yobuzwe, oophumasilwe abaxhobileyo nezidubedube zaseCongo zibangele kwakho abantu abaziimbacu abangaphaya kwabayi-1.3 miliyoni, kuquka abangaphaya kwabayi-30 000 abasuka eKasai abaye babalekela eAngola. Uninzi lwezi mbacu luye lwahlaselwa ngolunya ibe ukufika kwabo eAngola kuye kwafuneka benyangiwe kuba betshile, benamanxeba oocelemba neembumbulu. Iingxelo zakutshanje zibonisa ukuba kwiimbacu eziseAngola, ezingaphezu kweziyi-870 ngamaNgqina kaYehova nabantwana babo, ibe ayi-10 onzakeleyo. Okubuhlungu kukuba, amaNgqina KaYehova ayi-22 aye asweleka.
URobert Elongo, isithethi samaNgqina KaYehova esikwiofisi yesebe eKinshasa sithi: “Sibuhlungu kuba kuye kwasweleka abantu abaninzi ngenxa yalo mlo, ngokukodwa kuba ingabantwana. Abanye baye bahlaselwa kuba nje bebekwindawo yomlo. Sikuxhalabele kakhulu ukukhuseleka kwabazalwana noodade wethu ibe sibacebisile ukuba balumke. Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eseAngola, yenza konke okusemandleni ayo ukuzisa izinto ezifunekayo nokubathuthuzela ngeZibhalo.”
AmaNgqina KaYehova aseAngola naseCongo aye alungiselela iikomiti zokunceda ngexesha lentlekele ukuze zincede. Iimbacu ziye zaselwa izinto njengeengubo, impahla, ukutya, iinethi ezikhusela kwiingcongconi, izihlangu namayeza. Ugqirha oliNgqina LikaYehova uye waya kwinkampu yeembacu waza wanyanga eziyi-135 ebekufuneka zincedwe ngokukhawuleza.
Ukongezelela, abazalwana abasuka kwiofisi yesebe yaseAngola naseCongo baye baya kwiimbacu ukuze bazikhuthaze ngeentetho ezisekelwe eBhayibhileni. Nangona eAngola kuthethwa isiPhuthukezi, ukuze iimbacu zive, inkonzo iye yaqhutywa ngesiTshiluba, olona lwimi luthethwayo kwezine eCongo, njengoko sibona kumfanekiso osekuqaleni.
IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova livelela umsebenzi wokunceda ngexesha lentlekele likwikomkhulu lehlabathi eWarwick, eNew York, lisebenzisa iminikelo yomsebenzi wamaNgqina owenziwa ehlabathini lonke.
Ongaqhagamshelana Nabo:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
EAngola: UTodd Peckham, +244-923-166-760
EDemocratic Republic of the Congo: URobert Elongo, +243-81-555-1000