NOVEMBA 24, 2017
EFINLAND
AmaNgqina KaYehova Aphinde Ashumayela ETurku, EFinland
EHELSINKI—NgoAgasti 18, 2017, kwiintsuku nje ezimbalwa emva kokuhlasela nokubulala kwabagrogrisi eTurku, eFinland, abasemagunyeni kweso sixeko bamkela amaNgqina KaYehova emarikeni njengoko ayezokushumayela.
UMnumzan’ uTeemu Rissanen ovelela imarike eTurku uthe: “AmaNgqina ahlala ekhona emarikeni ibe kuyafuneka ukuba abe khona kwesi sixeko. Njengokuba amaNgqina ebengekho, abahlali bebexhalabile ibe bebezibuza, ‘Aphi?’ AmaNgqina anobubele ibe besikuvuyela ukuba kunye nawo emarikeni.”
UVeikko Leinonen, isithethi samaNgqina kwiofisi yesebe eseFinland uthi: “Siyixabisa kakhulu into yokuba abasemagunyeni bathethe kakuhle ngathi nokuxhalatyelwa ngabahlali baseTurku. Abasemagunyeni bade basilungiselela indawo esinokungena kuyo nesiziva sikhuselekile kuyo. Siyakuvuyela ukuncokola ngesigidimi seBhayibhile esithuthuzelayo nabamelwane bethu eTurku.”
Ongaqhagamshelana Nabo:
EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
EFinland: UVeikko Leinonen, +358-400-453-020