Yiya kwinkcazelo

AGASTI 8, 2019
EFRANSI

EParis, eFransi​—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe

EParis, eFransi​—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe
  • Umhla: Agasti 2-4, 2019

  • Indawo:EParc des Expositions de Paris-Nord Villepinte, eParis,eFrance

  • Iilwimi Ebiqhutywa Ngazo Indibano: IsiNgesi, isiFrentshi, isiJamani, isiRomaniya, isiRashiya, neSpanishi

  • Abantu Ababekhona: 37 809

  • Abantu Ababhaptizwayo: 265

  • Iindwendwe Ezisuka Kwamanye Amazwe: 5 500

  • Iindawo Ezimenyiweyo: iBritani, iKhanada, iCentral Europe, iChile, iCôte dʹIvoire, iEcuador, iGrisi, iKazakhstan, iMoldova, iNew Caledonia, iTahiti, iMerika, neZambiya

  • Izinto Ezathethwa Ngabantu Basekuhlaleni: Ebona ubuninzi beemoto, omnye umphathi wendawo ekwakuqhutyelwa kuyo indibano wathi: “Nikhe nibe nawo umsindo? Kule ndibano yenu khange ndibone umntu opopozela omnye, onomsindo okanye ongenelela phambi kwezinye imoto kuba engxamile.”

    Omnye umntu osebenza kwihotele eyayamkele iindwendwe wathi: “Kudala ndibona abantu beze kule hotele kodwa lentlangano yenu ihamba phambili. Nibonakala nonwabe nyhani!”

 

Abazalwana noodade bamkela iindwendwe ezize endibanweni kwi-airport eParis

Abazalwana noodade bashumayela ngetroli; kufutshane neEiffel Tower

Abazalwana noodade bayancokola ,bemi ngaphandle kwindawo yendibano

Umzalwana nodade abatshatileyo bayabhaptizwa

Iindwendwe ezinxibe iimpahla zazo zase Tahiti zimamele ucwangciso lwendibano

Umzalwana uAnthony Morris, olilungu leQumrhu Elilawulayo, unikela intetho yokuvala ngoMgqibelo

Iindwendwe ezikwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo zibhabhayisa abantu kwisikrini sevidiyo ngeCawa

Umzalwana oseBheteli ubonisa iindwendwe indlela yokwenza iipayi