Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 29, 2018
EFRANSI

Izikhukhula EFransi

Izikhukhula EFransi

Kunethe imvula engamandla eFransi ngo-Oktobha 14 nange-15, 2018. Loo nto ibangele kubekho izikhukhula ezisube imiphefumlo yabantu abalishumi.

Isebe laseFransi lisichazele ukuba bonke abazalwana bethu abahlala kule ndawo kunethe kuyo bakhuselekile, nakuba ezinye iintsapho kuye kwafuneka zithuthe ngenxa yezikhukhula. Izindlu zamaNgqina kaYehova ezininzi azimoshakelanga kakhulu ngaphandle kwezintathu nje kuphela. IQela Lokunceda Xa Kwenzeke Intlekele kwiofisi yesebe liye labaxhasa abazalwana bethu kweli xesha lobunzima.

Siqinisekile ukuba isandla esinamandla sikaThixo wethu, uYehova siza ‘kuhlala sibabambe nkqi’ abazalwana bethu abaqhubeka bethembele ngaye kweli xesha linzima.—INdumiso 63:8.