Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 5, 2015
EFRANSI

INkundla Ephakamileyo EFransi Iphelisa Umkhethe

INkundla Ephakamileyo EFransi Iphelisa Umkhethe

Ndiziva ndihlaziyekile emva kokuba sidibene kangangokuba kuthe ngco ngaphakathi. Ukufunda iBhayibhile kwenza ubomi bam bube nenjongo futhi ndiyathuthuzeleka.

Mna ndifun’ ukubulela amahla-ndinyuka eniye natyhubela kuwo ukuze nikwazi ukuza kusikhuthaza ngeBhayibhile apha entolongweni.

Imithandazo yam iyaphendulwa ngolu hlobo.

La mazwi angasentla athethwa ngamabanjwa akwiintolongo zaseFransi, ebulela ngokutyelela komshumayeli oliNgqina likaYehova.

Ngo-Oktobha 16, 2013, iNkundla Ephakamileyo yaseFransi yathatha isigqibo esitshayela umkhethe nxamnye namaNgqina kaYehova elo. Ngoku, isemthethweni into yokuba abashumayeli abangamaNgqina kaYehova bangaya kwiintolongo baze bahambele amabanjwa acela ukutyelelwa. *

AmaNgqina Ebengazinikwa Iimpepha Zokushumayela

Kangangeminyaka emininzi, abaphathi beentolongo bebewavumela amaNgqina ukuba aye kunceda amabanjwa afuna ukutyelelwa nakubeni ayengenazo iimpepha ezisemthethweni. Konke oku kwatshintsha ngo-1995 xa iKomishoni yePalamente yakhupha uludwe lweenkonzo ekuthiwa ziyingozi, namaNgqina kaYehova ayebhalwe kulo. Oku kwabangela ukuba kungcoliswe igama lawo ibe acalulwa. Kwakhawuleza kwabonakala oku kwindlela ayephathwa ngayo ngabaphathi beentolongo.

Nangona iingxelo zepalamente zahlukile kwizigqibo ezenziwa enkundleni, abanye abaphathi beentolongo bathatha laa ngxelo yepalamente yango-1995 baza bayenza umthetho, ngoko abashumayeli abangamaNgqina babengavunyelwa ukuba bancede amabanjwa afuna ukutyelelwa. Ekubeni amaNgqina ayengenazo iimpepha ezisemthethweni zokutyelela amabanjwa, ayengavumelekanga ukuphatha iiBhayibhile nezinye iincwadi zonqulo. Xa eyile, ayebona amabanjwa kwigumbi lokutyelela likawonke-wonke, yaye iimeko apho zazingekho ntle ukuba kungade kuncokolwe ngeBhayibhile. Xa lithetha ngala magumbi, elinye iNgqina lithi “afana nesiphithiphithi nengxokozelo eyenziwa kwizitishi zikaloliwe.” Kwezinye iintolongo, amabanjwa ayede akhululiswe iimpahla kukhangelwa izinto ekusenokuba azishiyelwe, le nto yenziwa kuba nje amaNgqina awayewatyelela engenazo iimpepha ezisemthethweni.

Ngo-2003 amaNgqina kaYehova afaka izicelo kubaphathi beentolongo zaseFransi ukuba nawo abe neempepha zokutyelela amabanjwa. Zonke ezo zicelo zakhatywa. Abhenela kumagunya angasentla, kodwa ke nalapho abuya nemband’ esikhova. Umphathiswa Wezobulungisa waseFransi wala ukukhupha iimpepha, emi ngelithi amaNgqina kaYehova akakho kuludwe lweenkonzo ezivumelekileyo ukuba zityelele amabanjwa. Lo mphathiswa waphinda wathi ukuwanika iimpepha amaNgqina kungathetha ukuba nezinye iinkonzo ezincinane ziza kugcwalisa iofisi yakhe ngezicelo. Emva kwawo onke la malinge, amaNgqina ayengenayo enye indlela ngaphandle kokuwusa enkundleni lo mba.

Urhulumente Akafuni Kuwuphelisa Umkhethe

Ngo-2006 amaNgqina kaYehova afak’ izimangalo kwiinkundla ukuze uMphathiswa Wezobulungisa awakhuphele iimpepha zokutyelela amabanjwa. Zonke iinkundla awazihambayo zathi kwakungekho semthethweni ukuba urhulumente azale izicelo zawo. Ukongezelela, ngo-2010 omnye uMbutho waseFransi olwa nomkhethe wamkhalimela urhulumente waza wacebisa ukuba kwalo Mphathiswa mnye alungise le ngxaki.

Urhulumente waseFransi akazange azibonele ntweni izilumkiso zalo mbutho, kodwa waqin’ enyaleni waza wabhenela kweyona Nkundla Iphakamileyo yelo.

Isigqibo Senkundla Esivuyisa AmaNgqina

Ngo-2013 la matyala ade afika kwiNkundla Ephakamileyo yaye kwakukho namanye asithoba afana nawo ekwakufuneka exoxiwe. Izibheno ezazifakwe ngurhulumente waseFransi zakhatywa ngawo omane yile Nkundla. Yathi, ukuze kuhlonelwe amalungelo amabanjwa, abaphathi beentolongo kufuneka “bakhuphe iimpepha eziza kunikwa iinkonzo zisuka nje sakuba isicelo sifakiwe, kakade ke zimele zijonge neemeko zokhuseleko kunye nezentolongo leyo.” Yoleka ngokucaphula uMgaqo-siseko waseFransi noweBhunga LaseYurophu Lamalungelo Abantu, yathi “amabanjwa amele anikwe inkululeko yokuthetha, eyesazela neyonqulo yaye azikhethele nenkonzo afuna ukuba kuyo.” Ngenxa yesi sigqibo, sithethanje, sele kukhutshwe iimpepha eziyi-105 kumaNgqina akulo lonke elaseFransi, ukuze akwazi ukutyelela amabanjwa adinga uncedo.

NgoJanuwari 2014, abaphathi beentolongo zaseFransi banika uJean-Marc Fourcault, oliNgqina likaYehova iimpepha-mvume zokutyelela zonke iintolongo zaseFransi. Unalo negunya lokuba ngummeli wamaNgqina kaYehova kubaphathi beentolongo. Lo kaFourcault uthi: “Ukususela ngoku, amaNgqina kaYehova aza kukwazi ukudibana bucala namabanjwa, ngamanye amaxesha naseziseleni zawo, kungekhona kwindawo ephithizelayo.”

Esi sigqibo sinegalelo elikhulu kwinkululeko yonqulo eFransi. Ngenxa yaso, amabanjwa ayazikhethela unqulo afuna ukuba kulo yaye anokuhanjelwa liNgqina ukuze ancedwe. AmaNgqina kaYehova anombulelo ongazenzisiyo kwiinkundla zaseFransi ngenxa yokuba ziye zawuphelisa umkhethe.

^ isiqe. 6 Amanye amabanjwa aba ngamaNgqina kaYehova ngenxa yokushunyayezwa esentolongweni. Kusenokwenzeka ukuba amanye adibana namaNgqina okanye ayekhulele enyanisweni ngaphambi kokuba ophule umthetho yaye ngoku afuna ukubuyela ebandleni. Enokuba siyintoni na isizathu, la mabanjwa afumana amalungelo onqulo njengamanye amabanjwa.