Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 20, 2015
EGHANA

AmaNgqina EGhana Anikela Uncedo Olukhawulezileyo Emva Kwezikhukula

AmaNgqina EGhana Anikela Uncedo Olukhawulezileyo Emva Kwezikhukula

EACCRA, eGhana—Ekupheleni kuka-Agasti 2015, amaNgqina kaYehova agqiba ukunikela uncedo eAccra, ikomkhulu laseGhana, apho izikhukula zazidilize izakhiwo zaza zabulala abantu abangaphezu kwe-200.

AmaNgqina kaYehova alatha apho amanzi ebephela khona kudonga lwekhaya leNgqina ekwanyanzeleka ukuba lilishiye.

Nangona kwakungekho maNgqina aphulukene nobomi bawo, ayi-250 kwanyanzeleka ashiye amakhaya awo. NgoJuni 4, 2015, usuku olusemva kwezikhukula, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseGhana yaseka ikomiti yokunceda ngexesha lentlekele, ukuze incede ngezinto ezifuneka ngokukhawuleza njengeengubo, impahla namanzi. Le komiti yalungiselela nokuba kucocwe kuze kulungiswe amakhaya onakeleyo. AmaNgqina ahlala kufutshane naseAccra ancedisa ngokuhlalisa okwexeshana emakhayeni awo lawo kuye kwanyanzeleka ukuba ashiye amakhaya awo.

Usihlalo wekomiti enikela uncedo ngexesha lentlekele, uDossou Amevor (ekuqaleni ngasekhohlo) walathisa umsebenzi wokuhambisa oomatrasi abakwiHolo yoBukumkani yaseAtiman eMadina, eAccra.

Ezi zikhukula zabangela ukuba kuqhushumbe indawo yepetroli yaseAdabraka, yaye oko konakalisa imibhobho aza amanzi awafumaneka. Iofisi yesebe yabeka itanki lamanzi kwiHolo yoBukumkani (indawo yokunqulela) yaseAdabraka ukuze amaNgqina nabamelwane bawo bawasebenzise.

NgoMgqibelo, ngoJuni 6, iofisi yesebe yathumela amaqela ezonyango amabini, oogqirha abangamaNgqina abahlanu noonesi ababini, ukuze banyange amaNgqina namanye amaxhoba eAlajo naseAdabraka. Banyanga izigulo ezinjengemalaria, isifuba nesifo sorhudo. Abameli beofisi yesebe namaNgqina asekuhlaleni batyelela amanye amaNgqina ukuze bawathuthuzele ngeBhayibhile yaye bawenze azive bhetele.

Oogqirha abangamaNgqina abathathu noonesi ababini bafotwe bephakathi kwiHolo yoBukumkani yaseAdabraka, ekwakunyangelwa kuyo.

Isithethi samaNgqina kaYehova eGhana, uNathaniel Gbedemah, uthi: “Sibuhlungu ngumonakalo nokufa kwabantu ngenxa yezikhukula eAccra. Njengoko amaNgqina kaYehova esenza nakwezinye iindawo, nathi senza unako-nako ukuze sincede abo bahlala kwiindawo ebezinale ntlekele bazive bhetele, baphile emizimbeni futhi bafumane ukutya kokomoya.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Ghana: Nathaniel Gbedemah, tel. +223 30701 0110