Yiya kwinkcazelo

JULAYI 11, 2019
EGrisi

EAthens, eGrisi—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe

EAthens, eGrisi—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe
  • Usuku: Julayi 5-7, 2019

  • Indawo: EAthens Olympic Stadium, esiseAthens, eGrisi

  • Iilwimi Ebiqhutywa Ngazo Indibano: IsiAlbania, isiNgesi, isiGrike, intetho yezandla yesiGrike, isiRomany (sasemzantsi Grisi), isiRashiya

  • Abantu Ababekhona: 36 873

  • Abantu Ababhaptiziweyo: 406

  • Iindwendwe Ezisuka Kwamanye Amazwe: 6 000

  • Iindawo Ezimenyiweyo: IAlbania, iArmenia, iAustralasia, iBulgaria, iCentral America, iCentral Europe, iFiji, iJapan, iKyrgyzstan, iNorth Macedonia, iTurkey, iMerika

  • Izinto Ezathethwa Ngabantu Basekuhlaleni: Umntu onceda abantu abakhenkethayo wathi: “Ndiwenze iminyaka emininzi umsebenzi wokunceda abantu abakhenkethayo, zange naphi na ndayibona indlela entle nenocwangco yokunceda abantu abakhenkethayo. Ndiye ndanibukela izolo ibe khange ndiyikholelwe into ebendiyibona. Nidibanise abantu abayi-2 600 kwiyure nje ezimbalwa ngendlela ebhetele kakhulu kunaleyo ebiza kwenziwa ngabantu abawufundeleyo lo msebenzi. Kodwa eyona nto imangalisayo luncumo lwenu. Ndikholelwe xa ndisithi, kudala ndisenza lo msebenzi futhi ndiyayazi xa umntu encuma kuba sisebenzisana kunye naxa encuma nyhani. Nina benincuma nyhani.”

 

Abanye babantu abangaphezu kwe-4 000 abebencedisa kwindawo ebiza kuba nendibano

Abantwana nolutsha olwamkela iindwendwe eGrisi

Omnye kwabayi-406 ababhaptiziweyo

Oodade abakwicala lesiRomany bayafotwa. Le yindibano yezizwe ngezizwe yokuqala eGrisi kukho nolwimi lwesiRomany

Iindwedwe zishumayela nabazalwana noodade basekuhlaleni

Iindwendwe zibuka amabhodlo akudala aseGrisi

Idrama yeBhayibhile eye yenziwa ebonisa uMpostile uPawulos eshumayela eGrisi

Abazalwana noodade benzela iindwendwe umdaniso owaziwayo ekuthiwa yiSyrtaki

Udade udlala ibouzouki yamaGrike

Iindwendwe zifunda amagama esiGrike

UMzalwan’ uDavid Splane, weQumrhu Elilawulayo, uvala usuku lwesithathu lwendibano ngentetho yeBhayibhile eguqulelwe ngesiGrike

Abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo ekhethekileyo bayabhabhayisa ngosuku lokugqibela lwendibano