Yiya kwinkcazelo

UMinos Kokkinakis: Umfanekiso wakhe eselubhacweni namanye amaNgqina, kunye nomfanekiso wakhe ekhulile.

JANUWARI 7, 2019
EGrisi

Kwathatha Iminyaka Eyi-50 Besilwela Inkululeko Yokushumayela

Kwathatha Iminyaka Eyi-50 Besilwela Inkululeko Yokushumayela

Kwiminyaka eyi-80 eyadlulayo, uMinos Kokkinakis wavalelwa kwisiqithi saseGrisi iAmorgós ekulwandle iAegean, apho wahlala unyaka onenyanga enye. Ngelo xesha, eGrisi kwakukho umthetho omtsha owawusithi abantu mabangashumayeli kwabanye ngenjongo yokubatshintsha. Inkundla yathi uMzalwana uKokkinakis uwophule lo mthetho waza wavalelwa enganikwanga nethuba lokuzithethelela. Umzalwana uMinos Kokkinakis waba liNgqina likaYehova lokuqala ukuvalelwa kwayi-19 147 ukususela ngo-1938 ukuya ngo-1992, kusithiwa baye bophula umthetho owawubekwe nguzwilakhe owayengumlawuli uIoannis Metaxas. Kulo mashumi eminyaka, amaNgqina kaYehova aseGrisi aba nesibindi xa ayetshutshiswa, ebanjwa ngenxa yokushumayela iindaba ezilungileyo.

Xa wayemalunga neminyaka eyi-30 ubudala, uMzalwana uKokkinakis waqalisa ukulwela inkululeko yokuxelela abanye ngezinto azikholelwayo. Wavalelwa amaxesha angaphezu kwayi-60, wachitha iminyaka engapha kweyi-6 ejele nakwiziqithi, apho yena namanye amaNgqina babephila phantsi kweemeko ezibuhlungu. Xa wayena-77 ubudala waphinda wabanjwa, ngelo xesha waye waxelela inkundla ukuba ubanjwe ngokungekho mthethweni waza wafaka isicelo sokubhena kwinkundla yezibheno eGrisi. Emva kokuba isicelo sakhe singamkelwanga eGrisi, uMzalwana uKokkinakis wafaka isicelo sokubhena kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Ngo-1993 xa uMzalwana uMinos Kokkinakis wayena-84 ubudala waye waliphumelela ityala, inkundla yase Yurophu owayebhenele kuyo yathi, inkundla yaseGrisi ivimbe uMinos Kokkinakis inkululeko yokwenza izinto azikholelwayo, sigqibo eso esingazanga senziwa ngaphambili. * Esi sigqibo sivuyisayo senzeke ngo-2018. Omnye uprofesa wezomthetho uthi, “abagwebi nabameli basenkundleni badla ngokucaphula kakhulu isigwebo esawiswa kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu esimalunga noKokkinakis, xa bexoxa ityala elinento yokwenza nenkululeko yokukhonza.”

Esi sigqibo senziwa malunga noKokkinakis singumzekelo omhle onokusetyenziswa xa kuxoxwa amatyala anje, nakoorhulumente abanamandla njengeRashiya abazama ukuwuphelisa umsebenzi wokushumayela. Ukuthembeka kwakhe nokunyaniseka kwakhe kusengumzekelo nanamhlanje.—Roma 1:8.

^ UMinos Kokkinakis wasweleka ngoJanuwari 1999.