Yiya kwinkcazelo

JUNI 26, 2017
EGUATEMALA

Inyikima Enkulu Intlitha Kufutshane NaseGuatemala-Kwibhoda YaseMexico

Inyikima Enkulu Intlitha Kufutshane NaseGuatemala-Kwibhoda YaseMexico

AmaNgqina KaYehova anceda abantu abamoshelwe yinyikima entlithe umda okwintshona yeGuatemala kufutshane naseMexico ngoLwesithathu, ngoJuni 14, 2017. Iindaba zithi loo nyikima ibulele abantu abahlanu, yawisa namatye asezintabeni.

Kuthiwa akukho maNgqina KaYehova aswelekileyo okanye onzakeleyo kwezo ndawo. Kumosheke iindawo anqulela kuzo eziyi-11 namakhaya ayi-17. Isebe leofisi yamaNgqina KaYehova akuMzantsi Merika elikwidolophu yaseMexico liye lalungiselela ukuba eGuatemala kubekho iikomiti ezintathu zokunceda eziza kujonga umonakalo owenzekileyo zize zikhawuleze zincede abo badinga uncedo.

NeQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova elikwikomkhulu lawo lehlabathi, linceda ngokusebenzisa iminikelo yomsebenzi wokushumayela eyenziwa ngamaNgqina asehlabathini lonke.

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EMexico: UGamaliel Camarillo, +52-555-133-3048

EGuatemala: UJuan Carlos Rodas, +502-5967-6015