JUNI 15, 2023
EHAITI
Izikhukula Ezikhulu Zibangele Umonakalo Omkhulu EHaiti
NgoJuni 2, 3, 2023, iimvula ziye zabangela izikhukula ezikhulu kwiindawo ezithile eHaiti. Ingxelo ibonisa ukuba kwiindawo ezininzi imizi iye yakhukuliseka ibe loo nto iye yenzeka kwiintsapho ezimalunga ne-40 000. Abantu abangaphezu kwe-13 500 kuye kwanyanzeleka ukuba bashiye amakhaya abo. Kuye kwasweleka abantu abayi-50.
Izinto Ezenzekileyo Kubazalwana Noodade
Akukho mzalwana okanye dade oswelekileyo
Kuye kwenzakala umzalwana nodade omnye
Abavakalisi abayi-60 baye bashiya amakhaya abo
Umzi omnye uye wadilika
Imizi emithathu iye yamoshakala kakhulu
Imizi eyi-19 iye yamoshakala kancinci
Akukho ziHolo zoBukumkani nezinye izakhiwo zentlangano ezimoshakeleyo
Iindlela Abancedwe Ngazo
Abaveleli beziphaluka nabadala basekuhlaleni bathuthuzela ibe bakhuthaza abazalwana noodade bakwezo ndawo, babancda nangezinto abazidingayo
Amabandla asekuhlaleni ayanceda
Siqinisekile ukuba “uYehova uza kubanika amandla” abazalwana noodade wethu abahlelwe zizikhukula eHaiti.—INdumiso 29:11.