AGASTI 31, 2017
EHONG KONG
Inkanyamba UHato Ihlasela IHong Kong NeMacau
NgoLwesithathu, ngoAgasti 23, inkanyamba uHato iye yahlasela kumzantsi weTshayina, eHong Kong naseMacau. Akuswelekanga bantu eHong Kong, kodwa kwenzakele abayi-34. EMacau, kusweleke abayi-9 kwaza kwenzakala abayi-153.
Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eHong Kong, ekwajongene nomsebenzi wamaNgqina aseMacau, ithi akukho maNgqina aswelekileyo. Kodwa abantu abaninzi eMacau abanambane, abanawo namanzi okusela. Iofisi yesebe isebenzisana namaNgqina alapho ukuze kuncedwe abazalwana ngamanzi okusela nezinye izinto.
EHong Kong kuhlala amaNgqina KaYehova angaphezu kwe-5 500, eMacau ayi-320.
Onokuqhagamshelana Nabo:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
EHong Kong: UDanny Steensen, +852-3950-3500