Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 28, 2018
EINDIYA

EIndiya Kwenzeke Isaqhwithi uGaja

EIndiya Kwenzeke Isaqhwithi uGaja

NgoNovemba 16, 2018, Isaqhwithi uGaja sonakalise emazantsi eIndiya kwindawo ekuthiwa yiTamil Nadu. Kuye kwasweleka abantu abayi-46, baza abaqikelelwa kwi-250 000 basiwa kwezinye iindawo, kuye kwamoshakala izindlu ezingaphezu kwe-85 000.

Indlu yomzalwana eseMannargudi, Tamil Nadu, eyayiwelwe ngumthi.

Iofisi yesebe laseIndiya likhuphe ingxelo yokuba akukho namnye umzalwana okanye udade oye wabulawa okanye walimala. Kuye konakala amakhaya ayi-38 abazalwana bethu kunye neeHolo zoBukumkani eziyi-2. Iofisi yesebe iye yathumela abazalwana abakwiKomiti Yokunceda Xa Kwenzeke Intlekele ukuba banike abavakalisi izinto abazidingayo, eziquka ukutya namanzi.

Siyabathandazela abazalwana bethu noodade base Indiya abaye behlelwa sesisaqhwithi ekuthiwa nguGaja, sayazi ukuba uYehova uza kubathuthuzela abantu bakhe esebenzisa abadala.—1 Petros 5:2.