Yiya kwinkcazelo

(Ekhohlo) Intsapho iphethe amaphepha anamazwi akhuthazayo neevesi zeBhayibhile ukuze ibonise abazalwana noodade abasebandleni. (Phezulu ekunene) Udade onguvulindlela uqhuba isifundo seBhayibhile ngevideoconference. (Ezantsi ekunene) Intsapho ikwintlanganiso yebandla isebenzisa ivideoconference

APRILI 9, 2020
EITALY

Abazalwana Noodade BaseItali Abayeki Ukukhonza UYehova Nangona Kukho Isifo Esisemhlabeni Wonke

Abazalwana Noodade BaseItali Abayeki Ukukhonza UYehova Nangona Kukho Isifo Esisemhlabeni Wonke

I-Itali lelinye lamazwe elinabantu abaninzi abaneCOVID-19. IQumrhu Elilawulayo lithe iofisi yesebe laseItali mayincede abazalwana noodade ngezinto abazidingayo ize ibakhuthaze nangeBhayibhile.

Kukho iiKomiti Ezinceda Ngexesha Lentlekele ezintathu, zinceda abazalwana abasemntla, embindini, nakumzantsi weItali. Abadala abasemabandleni bachazela abaveleli besiphaluka izinto ezidingwa ngabazalwana, baze abaveleli besiphaluka bachazele iiKomiti Ezinceda Ngexesha Lentlekele.

Ababancedi ngezinto abazidingayo qha. Babanceda ukuze bashumayela baze bafumane neentlanganiso zebandla. UMzalwana uVilliam Boselli, ongumveleli wesiphaluka esingaseMilan, enye yeedolophu zokuqala ukuba nabantu abanecoronavirus, uthi: “Bonke abazalwana noodade bayancokola nangona bengaphumi ezindlini zabo. Enye into, xa bengene kwivideoconference yeentlanganiso zebandla bayaphendula baze bakhuthazane. Nabazalwana noodade abakhulileyo zibanceda kakhulu ezi ntlanganiso. Ndicinga ukuba abantu abasemabandleni basondelelene kakhulu ngoku kunangaphambili.”

Nabantu abaninzi abangengomaNgqina babukela iintlanganiso namaNgqina azalana nabo. Omnye udade uthi: “Umyeni wam ebengafuni ukuya kwiintlanganiso, kodwa ngoku ubukela iintlanganiso esendlini ibe uyazithanda.”

Abazalwana noodade bashumayela nanini na bedibana nabantu. Ngokomzekelo, omnye udade wamiswa ngamapolisa xa wayesisa iwheelchair kudade okhulileyo. Wabachazela ukuba uyokunceda umntu okhulileyo waza wababonisa iphepha elibonisa ukuba uvumelekile ukuba aqhube. Wabanika iphecana elithi Ucinga Ntoni Ngekamva? nelithi Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele? Xa lo dade evela kushiya iwheelchair aphinda ammisa. Kodwa ngoku amapolisa ambulela, aza afuna ukwazi ezinye izinto ngethemba eliseBhayibhileni. Abiza namanye amapolisa amabini ukuba azokumamela. Wawabonisa ujw.org. Elinye ipolisa lathi: “Enkosi sisi, usonwabisile namhlanje.”

UMzalwana uBoselli uthi: “Nangona ndimele ndikhuthaze ndize ndithuthuzele abazalwana noodade, isuke ibe ndim okhuthazwa kukubabona bengayeki ukukhonza uYehova, ibe bezimisele ukunyamezela. Bamthanda nyhani uYehova, ndide ndilile xa ndibajongile. Basisipho esivela kuYehova, ibe siyabadinga.”

Kucacile ukuba abazalwana noodadewethu abayeki ukukhonza uYehova nangona kunzima, ibe ‘abagungqi.’​—1 Tesalonika 3:2, 3.