Yiya kwinkcazelo

AGASTI 24, 2017
EITALY

Inyikima Ibetha Isiqithi SaseItaly

Inyikima Ibetha Isiqithi SaseItaly

NgoAgasti 22, isiqithi i-Ischia esikufutshane nonxweme iNaples, eItaly, sabethwa yinyikima enkulu eyamosha izakhiwo ezininzi yaza yashiya abantu abamalunga ne-2 600 bengenamakhaya. Konzakala abantu abangaphezu kwe-40, kwaza kwasweleka ababini.

Kuthiwa kumaNgqina KaYehova ayi-633 ahlala kweso siqithi, alikho elaswelekayo okanye elonzakalayo, kodwa kwamosheka amakhaya eentsapho ezisithoba. Ezo ntsapho zincedwa ngamaNgqina alapho kwaye ayazomeleza elukholweni.

Onokuqhagamshelana Nabo:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EItaly: UChristian Di Blasio, +39-06-872941