Yiya kwinkcazelo

DISEMBA 6, 2013
EITALY

ISitshingitshane UCleopatra, Sihlasela ISardinia EItali

ISitshingitshane UCleopatra, Sihlasela ISardinia EItali

NgoNovemba 18, 2013, isitshingitshane esinamandla uCleopatra, sahlasela isiqithi saseSardinia esikulwandle lweMeditera, sabulala abantu abayi-16 saza sashiya abantu abaninzi bengenamakhaya. Izantyalantyala zemvula zawisa iiblorho zaza zemka neemoto. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseItali yanikela ingxelo yokuba phakathi kwamaxhoba ale ntlekele bekukho umakhulu oliNgqina ona-83. Kwakhona bekukho neentsapho ezine zamaNgqina eziye zalahlekelwa ngamakhaya azo nezinye eziyi-11 ekuye kwanyanzeleka ukuba zishiye izindlu zazo. Esebenzisana nabasemagunyeni basekuhlaleni, amaNgqina angaphezu kwayi-120 aya kule ndawo yentlekele, ese ukutya ibe anceda amanye amaNgqina nabamelwane.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EItali: uStefano Papazian, tel. +39 06 87294260