Yiya kwinkcazelo

Isakhiwo segosa likarhulumente elikuMntla weRhine-Westphalia

OKTOBHA 10, 2017
EJAMANI

AmaNgqina KaYehova AseJamani Afumene Imvume Esemthethweni Yokukhonza Ngokukhululekileyo

AmaNgqina KaYehova AseJamani Afumene Imvume Esemthethweni Yokukhonza Ngokukhululekileyo

Emva kweminyaka engaphezu kweyi-26, amaNgqina KaYehova aseJamani avunyelwe ukuba akhonze ngokukhululekileyo njengezinye iinkonzo ezinkulu zaseJamani. NgoJanuwari 27, 2017, uMntla weRhine-Westphalia lilizwe lokugqibela kwayi-16 aseJamani elinike amaNgqina le mvume. Esi sigqibo sibalulekile kumaNgqina, kuba nangona ebekho eJamani kule minyaka ingaphezu kweyi-100, iofisi namabandla amaninzi awo eJamani, ebengajongwa njengezinye iinkonzo. Ngoku ngenxa yokuba amaNgqina eyinikiwe le mvume yokukhonza kuwo onke amazwe aseJamani, ngoku ajongwa njengenkonzo esemthethweni ibe le nto iyawanceda.

Idabi Elithathe Iminyaka Emininzi

Ngo-1921, amaNgqina KaYehova eJamani ayebhaliswe kumthetho ozimeleyo. Emva kokuba amazwe aseJamani edityanisiwe ngo-1990, amaNgqina KaYehova acela imvume yokuba akhonze ngokukhululekileyo njengezinye iinkonzo.

Ukuze inkonzo ibhaliswe njengenkonzo eyamkelekileyo eJamani, umthetho welo ufuna ukuba kuqala inkonzo leyo ibhaliswe kwilizwe ekuyo. Emva koko inokufaka isicelo esifanayo nakwamanye amazwe ayi-15 akwelo. Ngo-1990 amaNgqina KaYehova aseJamani, afaka isicelo sokukhonza ngokukhululekileyo kwilizwe laseBerlin. Nangona iinkonzo ezininzi ezifake esi sicelo ziphendulwa kungaphelanga nonyaka okanye emibini, urhulumente waseBerlin akazange awavumele amaNgqina kangangeminyaka. Esinye isizathu sasikukuba amaNgqina ayengavoti. Kodwa ke, le nto yayingavakali, kaloku umthetho waseJamani wawunganyanzeli mntu ukuba avote, kodwa abantu babevota ngokuzithandela.

Ekugqibeleni le ngxaki yasiwa ezinkundleni. NgoMatshi 24, 2005, iNkundla Ephakamileyo yaseBerlin yagweba ngelithi, amaNgqina KaYehova aseJamani amele ajongwe njengenkonzo esemthethweni. Emva konyaka, ilizwe laseBerlin larhoxa laza lawavumela amaNgqina ukuba akhonze ngokukhululekileyo, laphela njalo ke idabi lenkundla elathatha iminyaka eyi-16 phakathi kwamaNgqina norhulumente waseBerlin.

Kwakhona, amaNgqina kwakufuneka acele ukukhonza ngokukhululekileyo nakwamanye amazwe ayi-15 aseJamani. Ngo-2009, amazwe ayi-11 awavumela amaNgqina, ibe ayi-3 avuma kwiminyaka eyalandelayo, elokugqibela yayinguMntla weRhine-Westphalia ngoJanuwari 27, 2017. Emva kweminyaka eyi-26 kuxoxwa ngale nto ezinkundleni, amaNgqina KaYehova aseJamani avunyelwa ukuba akhonze ngokukhululekileyo njengezinye iinkonzo zelo.

AmaNgqina Ayencedakala Kukukhonza Ngokukhululekileyo

Iofisi yesebe namabandla angaphezu kwayi-2 000 amaNgqina KaYehova aseJamani, ngoku angumbutho omnye. Ngaphambili, ngenxa yokuba ibandla ngalinye belibhaliswe njengombutho ozimeleyo, bekunyanzelekile ukuba libhale iingxelo zonyaka lize lihlawule nerhafu. Xa kufuneka kwenziwe utshintsho, njengokumiselwa kwabadala, ukuthengwa komhlaba, ukutshintshwa okanye ukudityaniswa kwamabandla, bekufuneka kuxelelwe urhulumente. Le nto yokubhalwa kwezi ngxelo ibilitya kakhulu ixesha labadala, kodwa ngoku banexesha elaneleyo lokukhuthaza ibandla. Ukungakhonzi ngokukhululekileyo bekubangela amabandla abhatale imali xa ebhala ezi ngxelo. Omnye umdala wathi: “Ngoku siyisebenzisa kakuhle iminikelo sixhasa umsebenzi wokushumayela.”

Ngenxa yokuba amaNgqina KaYehova ebengayinikwanga imvume yokukhonza ngokukhululekileyo eJamani, ebengajongwa njengenkonzo esemthethweni nangona amalunga nayi-274 000 ebesiya kwiintlanganiso. UArmin Pikl, igqwetha lamaNgqina KaYehova elikwisebe laseJamani uthe: “Ebudeni bale minyaka ingaphezu kweyi-26 siquqa ezinkundleni sifuna imvume yokukhonza ngokukhululekileyo, oonondaba bebesasaza ubuxoki ngathi, ngamanye amaxesha beyenza le nto veki nganye. Ngoku yonke le nto ayisenzeki kangako.” UWerner Rudtke ekudala eliNgqina uthe: “Ukuze inkonzo ifumane imvume yokukhonza ngokukhululekileyo kufuneka ithobele umthetho ngazo zonke iindlela, ngoko izityholo ezibekwa amaNgqina zibubuxoki. Elinye iNgqina uPetra wathetha ngeengxaki zabantwana bamaNgqina esikolweni. Wathi: “ukufumana le mvume kuza kubanceda kakhulu abantwana esikolweni. Ootitshala bebebacalula abantwana bamaNgqina ngenxa yokuba bekusithiwa amaNgqina lihlelo kungekhona inkonzo.”

AmaNgqina KaYehova ayavuya kuba urhulumente waseJamani ewavumele ukuba ashumayele ibe akhonze ngokukhululekileyo. Anethemba lokuba le mvume iza kuziphelisa iingxaki ebenazo ngaphambili ize incede Ngqina ngalinye nenkonzo yawo.