Yiya kwinkcazelo

AbakwaFalcone bakwindibano yamaNgqina KaYehova

MATSHI 3, 2017
EJAMANI

Iinkundla ZaseJamani Zijonga Iindibano ZamaNgqina KaYehova Njengeeholide Zonqulo

Iinkundla ZaseJamani Zijonga Iindibano ZamaNgqina KaYehova Njengeeholide Zonqulo

NgoAprili 2012, uVivienne Falcone intombazana eneminyaka esixhenxe yasa kwinqununu yesikolo ileta eyayibhalwe ngabazali bayo, becela ukuba ingabikho esikolweni usuku olunye. Kokwabo kwakuza kuyiwa eMainz kwinkonzo yeentsuku ezintathu yamaNgqina KaYehova ebakho nyaka ngamnye. Abaphathi besikolo abazange basivume isicelo sabazali bakaVivienne sokuba aye kule nkonzo ngoLwesihlanu. Sekunjalo, ngenxa yokuba babefuna uVivienne afundiswe ngoThixo bahamba naye nangona kwakungavunywa. Abazali bakaVivienne bafaka isibheno kwiState Board of Education (IBhodi) ngale nto yokuba abaphathi besikolo bengavumi ukuba intombi yabo iye enkonzweni. Le bhodi endaweni yokuba ijonge le nkonzo njengeholide yonqulo, yayalela ukuba bahlawule imali esikolweni.

Isigqibo sebhodi saba nemiphumo emibi kubazali bakaVivienne, kuba ngokomthetho waseJamani ukungabikho esikolweni ngesizathu esingavakaliyo, kukungawuthobeli umthetho wokuba abazali base abantwana esikolweni. Le nto inokubangela ukuba kuhlawulwe imali okanye kwezinye iimeko babanjwe abo bangawuthobeliyo lo mthetho. Ngoko ke, abazali bakaVivienne basijonga esi sigqibo njengokungahlonelwa kwelungelo labo lokunqula ngokukhululekileyo nelokukhulisa umntwana wabo ngendlela evumelana nokholo lwabo.

Ityala Ngelungelo Lokuba Neeholide Zonqulo

Abazali bakaVivienne, uStefano noElisa, bafaka isimangalo kwinkundla yamatyala ukuze baphikise isigqibo sebhodi. Babesithi le nkonzo ibanika ithuba lokuba banqule uThixo njengentsapho baze babe nokholo. Babhala bathi: “Iindibano zizihlandlo ezikhethekileyo kunqulo lwethu.” * Inkundla yavumelana nabo isithi iindibano zamaNgqina KaYehova ezibakho minyaka le ziiholide zonqulo. IBhodi yabhena, isithi iindibano zamaNgqina KaYehova azizizo iiholide zonqulo, ngenxa yokuba zizihlandlo zokonwaba, azikho ngcwele njengeKrisimesi, i-Ista neeholide zesizwe.

NgoJulayi 27, 2015, Inkundla Ephakamileyo yaseHesse yasixhasa isigqibo senkundla yamatyala engaphantsi kwayo. Le nkundla yathi, iinkonzo zinelungelo lokuzigqibela kumba weeholide zazo. Inkundla yabona kulungile ukuba imicimbi yonqulo ingadityaniswa nekarhulumente, isithi: “Ukuba urhulumente ugxuphuleka kwizinto zonqulo uza kuba akawuhloneli umthetho waseJamani ovumela iinkonzo ukuba zizigqibele ngokwazo ngezinto zazo.” Urhulumente “ufanele angakhethi cala kwimiba yonqulo.”

Inkundla ephakamileyo yaphinda yathi kwaiwebhsayithi yamaNgqina kaYehova ithi, amaNgqina azijonga njengeeholide zonqulo iindibano zawo. Le nkundla yathi ngokungavunywa kwesicelo sabakwaFalcone sokuba intombi yabo iye endibanweni, iBhodi “ayilihlonelanga ilungelo lomntwana nelabazali bakhe lokuba bamfundise ngokholo lwabo.” Le nkundla yagqiba ngelithi “oko kwenziwa yile Bhodi akuhambisani nokungathathi icala kukarhulumente.”

“Ukuya kwisihlandlo esikhethekileyo sonqulo kunokuba sisizathu esivakalayo sokungayi esikolweni.”—Inkundla Ephakamileyo YaseHesse

Imfundo Encedayo

Emva kwesigwebo, abazali bakaVivienne bathi: “Thina maNgqina KaYehova siyayithanda imfundo kwaye sifundisa nabantwana bethu ukuba bayithande. Siyavuya naxa abantwana bethu befunda ngoThixo kuba loo nto ibanceda bamthande baze bathande nabanye abantu. Sibabulela kakhulu abasemagunyeni ngesi sigqibo.”

UArmin Pikl, igqwetha labakwaFalcone, uthe: “Esi sigwebo sibonisa ukuba iindibano zamaNgqina KaYehova zizihlandlo ezingcwele kwaye sivumela abazali basebenzise ilungelo labo lokufundisa abantwana babo ngoThixo. Le nto iza kubanceda kakhulu abantwana bamaNgqina yaye baza kuya bekhululekile kwiindibano. Ndiyathemba ukuba nabomthetho kwamanye amazwe baza kwenza ngendlela efanayo xa bechophele amatyala afanayo.”

^ isiqe. 5 Iindibano zengingqi, ezazibizwa ngokuba ziindibano zesithili, ziinkonzo zamaNgqina KaYehova ezibakho rhoqo ngonyaka ehlabathini lonke. Le nkonzo yeentsuku ezintathu ifundisa abantu indlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini babo.