Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 9, 2013
EJAMANI

Kutyhilwa Ilitye Lesikhumbuzo LeNgqina Elasinda Ekubulaweni Kabuhlungu EJamani

Kutyhilwa Ilitye Lesikhumbuzo LeNgqina Elasinda Ekubulaweni Kabuhlungu EJamani

ESELTERS, eJamani—NgoJuni 21, 2013, eLautertal-Reichenbach, kutyhilwe ilitye lokukhumbula uMax Liebster, owayeliNgqina likaYehova nowanyamezela ngaphezu kweminyaka emihlanu evalelwe kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi. Usodolophu nabanye abantu abasemagunyeni baye balityhila eli litye kukho abantu basekuhlaleni kunye nomhlolokazi kaMnu. Liebster, uSimone Liebster, oliNgqina likaYehova.

NjengomYuda owayehlala eJamani ngexesha lokulawula kwamaNazi awayekhokelwa nguHitler, uMnu. Liebster wabanjwa ngamaGestapo ngo-1939 waza emva koko wahlala kabuhlungu kwiinkampu zoxinaniso ezintlanu: eSachsenhausen, eNeuengamme, eAuschwitz, eBuna, naseBuchenwald. Amalungu asibhozo entsapho yakhe afa kwezo nkampu. Omnye wawo yayinguyise, awawuthatha ngokwakhe umzimba wakhe wawusa kwindawo yokutshisela izidumbu eSachsenhausen.

UMnu. Liebster wahlobana namanye amabanjwa angamaNgqina kaYehova kwiinkampu zoxinaniso. Wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova emva kokukhululwa ngo-1945. Ngokutsho komnye umbhalo okwilitye lakhe, ukholo lukaMnu. Liebster “lwamnika amandla okunyamezela.” Waphila waneminyaka eyi-93, de wasweleka ngo-2008.

Isimemo salo mcimbi sithi uMnu. Liebster “wayekholelwa ngokupheleleyo ukuba indlela yokuphila yamaKristu inokubaphucula abantu.” UWolfram Slupina, isithethi samaNgqina kaYehova eJamani, uthi: “Iyasivuyisa into yokubona elinye iNgqina esasikhonza nalo likhunjulwa namhlanje, kuba liye lahlala liqinile nakubeni yayingekho inkululeko yonqulo. Eli litye bubungqina bokuba namandla koko kuthethwa yiBhayibhile ngoxolo nomanyano, yaye amaNgqina kaYehova azama ukuphila ngale ndlela.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EJamani: uWolfram Slupina, tel. +49 6483 41 3110