Yiya kwinkcazelo

MEYI 1, 2013
EJAMANI

INgqina LikaYehova Linikwa Imbasa EJamani

INgqina LikaYehova Linikwa Imbasa EJamani

ESELTERS, eJamani—ngoFebruwari 22, 2013, iNkulumbuso yaseBavaria, uHorst Seehofer yanika uMathilde Hartl oliNgqina likaYehova imbasa. Le mbasa sisipho esikhulu iJamani edla ngokusinika abantu abaye benzela ilizwe iinkonzo ezithile.

UNkszn. Hartl, waseBavaria wafumana le mbasa ngenxa yokuba wanyamekela ixesha elide unyana wakhe uMartin okhubazekileyo, ngoku oneminyaka eyi-26. Esengumntwana, kwafunyaniswa ukuba uneDuchenne muscular dystrophy (DMD), isigulo esenza umzimba wakhe ube buthathaka. Ngenxa yoko, uNkszn. Hartl akalali kuba kufuneka aqiniseke ukuba unyana wakhe uphefumla kakuhle, kufuneka acoce impumlo zakhe ukuze umoya ungene kakuhle yaye loo nto iza kumnceda angafumani inyumoniya. Omnye unyana wakhe uMax naye uneDMD yaye uphazamisekile nasengqondweni. Kangangeminyaka emininzi, uNkszn. Hartl ebebanyamekela ngothando uMartin noMax. Okulusizi kukuba, uMax wasweleka ngo-2008, eneminyaka eyi-19.

Xa wabuzwa ukuba uwafumana phi amandla okukwazi ukubanyamekela, uNkszn. Hartl waphendula wathi: “Ndiwafumana kwiinkolelo zam. Njengokuba ndiliNgqina likaYehova ndibuxabisile kakhulu ubomi. Ndenza konke okusemandleni ukuze oonyana bam bonwabe nakuba bekhubazekile.”

INkulumbuso uSeehofer wamncoma uNkszn. Hartl kuquka nabanye abafumana iimbasa esithi: “Ngamnye kuni uye waliphucula ihlabathi.”

Ungafowunela:

Okwenzeka ehlabathini: UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo +1 718 560 5000

EJamani: UWolfram Slupina, kule nombolo. +49 6483 41 3110