Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 12, 2014
EJAMANI

Isikhumbuzo SaseSachsenhausen Sokukhumbula INgqina LikaYehova Elabulawa NgamaNazi

Isikhumbuzo SaseSachsenhausen Sokukhumbula INgqina LikaYehova Elabulawa NgamaNazi

ESELTERS, eJamani—NgoSeptemba 16, 2014, iBrandenburg Memorials Foundation iza kuba nomsitho okhethekileyo wokukhumbula iminyaka eyi-75 wabulawayo uAugust Dickmann kwinkampu yoxinaniso yaseSachsenhausen. Wayengumntu wokuqala ukungavumi ukuya emkhosini ngenxa yesazela sakhe owabulawa ngamaNazi kwiMfazwe Yehlabathi II.

UAugust Dickmann, malunga no-1936.

Ngo-Oktobha 1937, lo kaDickmann wavalelwa kwinkampu yoxinaniso yaseSachsenhausen ngenxa yeenkolelo zakhe njengeNgqina likaYehova. Kwiintsuku ezimbini ngaphambi kokuqalisa kweMfazwe Yehlabathi II ngo-1939, iGestapo yabiza uMnu. uDickmann yaza yamcela ukuba asayine ikhadi elaliza kuthetha ukuba usemkhosini waseJamani. Wathi akwala, wavalelwa yedwa waza umphathi wenkampu wacela imvume yokubulala uMnu. uDickmann kumphathi wamapolisa phambi kwawo onke amanye amabanjwa. NgoSeptemba 15, 1939, umntakwabo, uHeinrich, kunye namanye amaNgqina kaYehova angamakhulu, anyanzelwa ukuba abukele njengoko wayebulawa. Emva kweentsuku ezimbini, iNew York Times, eJamani yabhala le ngxelo: “UAugust Dickmann, oneminyaka eyi-29, . . .uye wadutyulwa ngamajoni.” Eli phephancwadi laphinda lathi wagwetyelwa ukungavumi ukuya emkhosini “ngenxa yeenkolelo zakhe.”

NgoSeptemba 18, 1999, kwabekwa ilitye lesikhumbuzo kudonga lwendawo eyayiyinkampu yaseSachsenhausen, ukukhumbula amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-890 awayevalelwe apho. Ngaphezu koko, kwatyhilwa ilitye lesikhumbuzo likaMnu. uDickmann.

Umsitho wokukhumbula iminyaka eyi-75 uDickmann wabulawayo, uza kuqala kwindawo enelitye lakhe lesikhumbuzo kuze kulandele iintetho eziza kwenziwa kwindawo eyayilikhitshi lamabanjwa. UGqr. Detlef Garbe, ongumbhali nomphathi weNeuengamme Concentration Camp Memorial uza kuba sisithethi esiphambili.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EJamani: uWolfram Slupina, tel. +49 6483 41 3110