APRILI 7, 2014
EJAMANI
URichard Rudolph, Owayevalelwe Kwiinkampu Zoxinaniso, Uswelekele EJamani Ena-102
ESELTERS, eJamani—URichard Rudolph iNgqina likaYehova elalivalelwe kwiinkampu zoxinaniso ezintlanu zamaNazi laza lanyamezela nokubanjwa ngamaKomanisi, lisweleke ngoJanuwari 31, 2014. Belineminyaka eyi-102.
Emva kokuba amaNazi eqalise ukulawula ngo-1933, umsebenzi wamaNgqina kaYehova wayeka ukuba semthethweni kwiindawo eziliqela zaseJamani. Ngenxa yoko, amaNgqina ayi-11 300 avalelwa ngamaNazi aza ayi-4 200 asiwa kwiinkampu zoxinaniso, kuquka uMnu. Rudolph. Apho kwafa amaNgqina ayi-1 500. Phantsi kolawulo lwamaNazi, uMnu. Rudolph wathothoza iminyaka esithoba entolongweni waza wasiwa kwiinkampu zoxinaniso ezintlanu kuquka eyaseSachsenhausen neseNeuengamme ezazidume kakubi. Apho kwavalelwa abantu abangaphezu kwabayi-300 000 ibe kwafa abayi-140 000.
Ngo-1944, uMnu. Rudolph wasiwa kwinkampu yaseNeuengamme, eSalzgitter-Watenstedt. Akazange afune ukwenza izixhobo zemfazwe ngenxa yeenkolelo zakhe zonqulo, oko kwabangela abasemagunyeni bamthembise ngokumbulala. Kukho ipolisa elaliyithanda indlela lo kaRudolph omelele ngayo elukholweni, ngoko lamnceda ngokumfihla kwilori eyayizisa ukutya, ngoko akazange abulawe.
Emva kweMfazwe Yehlabathi Yesibini, uRudolph waqhubeka eliNgqina likaYehova kwiSoviet Occupation Zone eyaba yiGerman Democratic Republic (GDR). Waphindwa wavalelwa ngo-1950. Wathothoza iminyaka engaphezu kweyi-19 eziseleni ngenxa yeenkolelo zakhe.
Kangangeminyaka emininzi, uRichard Rudolph wayeshumayela ngeBhayibhile kwabanye aze abafundise izinto awazifundayo ngeengozi zokuba nomkhethe. Ngo-2009 omnye umfundi waseJamani, uAnn-Jacqueline Frieser, wafumana iimbasa ezimbini kolunye ukhuphiswano ngenxa yodliwano-ndlebe aye walwenza nencwadi ayibhalileyo ethetha ngobomi bukaRichard Rudolph. Wafumana imbasa yokuqala kwiphondo laseRheinland-Palatinate, ibe uphakathi kwabafundi abathathu abenza kakuhle gqitha kolu khuphiswano.
UWolfram Slupinak, osisithethi samaNgqina kaYehova eJamani uthi: “URichard Rudolph akaneli nje kukuba ngumhlobo osenyongweni nomzalwana othandekayo kodwa wayesisisele senyathi ekwakubuzwa kuso ngembali. Ukholo nokuba nesibindi kwakhe kuya kuhlala kungumzekelo wokuxeliswa.”
Fowunela:
UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000
EJamani: uWolfram Slupina, tel. +49 6483 41 3110