JANUWARI 4, 2024
EJAPAN
Inyikima Enamandla Iye Yahlasela INoto Peninsula EJapan
NgoJanuwari 1, 2024 inyikima embi kakhulu iye yahlasela iNoto Peninsula e-Ishikawa Prefecture. Le nyikima nezinye ezincinci eziye zenzeka emva koko zonakalise amakhaya neendlela. Abantu abangaphezu kwe-33 000 baye bashiya amakhaya abo. Bamalunga ne-400 abantu abaye bonzakala ibe abayi-78 baye basweleka.
Izinto Ezenzeke Kubazalwana Noodade
Akukho nomnye umzalwana okanye udade oye wasweleka
Umzalwana omnye uye wonzakala kancinci
Abazalwana noodade abangaphezu kwe-150 baye bashiya amakhaya abo
Amakhaya amabini aye adilika
Amakhaya ayi-7 amoshakele kakhulu
Amakhaya angaphezu kwe-100 aye amoshakala kancinci
IHolo yoBukumkani enye iye yamoshakala kakhulu
IiHolo zoBukumkani eziyi-8 zimoshakele kancinci
Indlela Abancedwe Ngayo
Kuye kwamiselwa iKomiti Yokunceda Xa Kwehle Intlekele ukuze kuncedwe abazalwana
Abazalwana abangabameli besebe laseJapan baye bathunyelwa kwezo ndawo ukuze bakhuthaze abazalwana. Kwakhona, abaveleli beziphaluka nabadala basekuhlaleni banceda abazalwana abahlelwe yintlekele ngokubakhuthaza ngeZibhalo nangezinto abazidingayo
Siqinisekile ukuba uYehova uza kuzingqina ‘eyindawo ekhuselekileyo’ kubazalwana noodade eJapan, ebathuthuzela aze abomeleze kweli xesha linzima.—INdumiso 18:2.