NOVEMBA 26, 2014
EJAPAN
AmaNgqina Anceda Amaxhoba Ezikhukula EHiroshima
E-EBINA, eJapan—Izantyalantyala zemvula eHiroshima zakhokelela kwizikhukula ezabulala abantu abamalunga nabayi-74 ibe abangaphezu kwabayi-1 600 basala bengenandawo zokuhlala ngentseni yangoAgasti 20, 2014. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseJapan yanikela ingxelo yokuba awakho amaNgqina aswelekileyo okanye enzakeleyo, nangona kukho amakhaya asibhozo amaNgqina adilikileyo.
Imvula yana ngamandla kangangeeyure ezintathu, nto leyo eyabangela umonakalo omkhulu ibe urhulumente wenza ilungiselelo lokunceda. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eJapan yakhawuleza yaseka ikomiti yokunceda yaza yacela amatsha-ntliziyo amaNgqina ukuze ancede ngokucoca. La matsha-ntliziyo anceda ekucoceni lo monakalo aza agcina izinto zendlu ezazisindile.
Iphephandaba lasekuhlaleni iYomiuri Shimbun lathetha ngemizamo eyenziwa ngamaNgqina kaYehova awasindayo kule ntlekele. Eli phephandaba lathi, uKayoko Nakamizo, owayehlala kwisithili saseYagi eAsaminami, washiya eyakhe indlu waza “wahamba enkqonkqoza ekhangela abanye abantu ukuba banjani na.” Ngenxa yoko, uKayoko wakwazi ukunceda ummelwane wakhe nabanye ukuze bemke kule ndawo inezikhukula.
UIchiki Matsunaga, isithethi samaNgqina kaYehova eJapan, uthi: “Siyavelana nabo baye bathwaxwa zizikhukula. Phezu kwayo nje le meko imaxongo, sikulungele ukunceda abanye ibe sithuthuzela abamelwane bethu.”
Fowunela:
UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000
EJapan: UIchiki Matsunaga, tel. +81 46 233 0005