Yiya kwinkcazelo

JULAYI 4, 2017
EKAZAKHSTAN

Urhulumente WaseKazakhstan Uvala Isebe LamaNgqina KaYehova

Urhulumente WaseKazakhstan Uvala Isebe LamaNgqina KaYehova

NgoJuni 29, 2017, inkundla yaseKazakhstan yayalela iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eseAlmaty, eKazakhstan ukuba ivalwe kangangeenyanga ezintathu yaza yayihlawulisa iidola eziphantse zibe yi-2 107.

Ukuze inkundla ifikelele kwesi sigqibo, abasemagunyeni bagqogqa isebe ngoMeyi 17, 2017 nto leyo eyayitsala amehlo ibe kwakukho namapolisa ayi-40 awayexhobile, amanye kuwo ezigqumile. AmaNgqina aza kubhena ngenxa yale nto yenziweyo.

NgoJuni 5, 2017, amapolisa ahlola isebe ibe abasemagunyeni bathi izinto ezifunyenweyo kulo azihambisani nomthetho. AmaNgqina awavumelani noko, esithi indlela ekugqogqwe ngayo ayihambisani nendlela athi umthetho kumele kwenziwe ngayo.

Izinto ezenzeka eKazakhstan zisikhumbuza ngoko kwenziwa ngamapolisa nokungafunwa konqulo lwamaNgqina KaYehova eRashiya, apho urhulumente awavale khona amaNgqina KaYehova. AmaNgqina aza kubhena kwesi sigqibo senziwe ngoJuni 29 ibe kufuneka abe sele esifakile isicelo sawo ngoJulayi 14, 2017.

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini Lonke:UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EKazakhstan: UBekzat Smagulov, +7-747-671-45-01