Yiya kwinkcazelo

MEYI 3, 2017
EKAZAKHSTAN

IKazakhstan Inyhasha Inkululeko Yokukhonza Ibe Ibamba UTeymur Akhmedov

IKazakhstan Inyhasha Inkululeko Yokukhonza Ibe Ibamba UTeymur Akhmedov

NgoMeyi 2, 2017, inkundla yaseAstana yagweba uTeymur Akhmedov iminyaka emihlanu entolongweni ngenxa nje yokuncokola nabantu ngezinto azikholelwayo. LiNgqina LikaYehova lokuqala eKazakhstan ukutyholwa ngokwaphula umthetho ngenxa yokukhonza, ukususela ngexesha eyakhululeka ngalo iKazakhstan ngo-1991.

UMnumzan’ uAkhmedov ugcinwe entolongweni kangangeenyanga ezingaphezu kwezintathu phezu kwazo nje iinzame zokuba akhululelwe aze agcinwe ekhayeni lakhe ngoxa ityala liqhubeka. Uneminyaka eyi-61, utshatile, unoonyana abathathu ibe unempilo enkenenkene.

Akuvunywa Ukuba Abantu Bakhonze Ngokukhululekileyo

Le ntlungu kaMnumzan’ uAkhmedov yaqala ngoJanuwari 2017 xa amapolisa aseKazakhstan, iNational Security Committee (KNB), yambamba ngenxa yokugatya iGaba 174(2) laseKazakhstan lokwaphula umthetho. Le komiti yamtyhola “ngokubangela iinkonzo zizondane” kuba wathetha nabantu emfihlekweni ngezinto azikholelwayo.

Ijaji uTalgat Syrlybayev yagweba ngelithi indlela athethe ngayo uMnumzan’ uAkhmedov “iqhwaya udushe” ibe ikhuthaza “nobuxoki bokuba kukho iinkonzo ezibhetele kunezinye.” Ijaji iphinde yayekisa uMnumzan’ uAkhmedov ukukhonza kangangeminyaka emithathu.

UPhilip Brumley, Umcebisi Jikelele wamaNgqina KaYehova uphendule ngokuthi: “Abasemagunyeni bawusebenzisa kakubi umthetho. Ngo-2016, amadoda aliqela acela uTeymur ukuba aye ezindlini zawo ukuze athethe nawo ngezinto azikholelwayo. Ayesiya nasendlini yakhe. Into awayengayazi uTeymur kukuba la madoda ayeza kuzirekhoda ezo ncoko aze kamva azisebenzise ukuze amtyhole ngokwaphula umthetho. Le nto ibonisa indlela abazimisele ngayo abasemagunyeni ukucinezela abantu ukuba bangakhonzi ngokukhululekileyo. Ayibobulungisa tu obu.”

Ukongezelela koko, intsapho kaMnumzan’ uAkhmedov ikhathazeke kakhulu ngempilo yakhe. Unethumba elophayo (ekucingelwa ukuba ngumhlaza), kodwa abasemagunyeni bazikhabile izicelo zokuba uMnumzan’ uAkhmedov avalelwe kwakhe ibe akalufumenanga unyango aludingayo. Amagqwetha akhe afake izimangalo kwi-UN Working Group on Arbitrary Detention nakumphandi okhethekileyo we-UN ngenkululeko yonqulo okanye inkolo.

Ngaba Abantu Baza Kukhonza Ngokukhululekiileyo EKazakhstan?

AmaNgqina KaYehova aseKazakhstan afumana iingxaki ezininzi xa bekufuneka ashumayele iindaba ezilungileyo. Kodwa, ukuvalelwa kukaMnumzan’ uAkhmedov yinto entsha neyothusayo kumaNgqina. Abameli bamaNgqina bazifaka bezifakile izicelo kwabasemagunyeni eKazakhstan ukuba bahlonele ukuzibophelela kwabo kumthetho ovumela ukuba iinkonzo zikhonze ngokukhululekileyo ngaphandle kokuphazanyiswa ngabasemagunyeni.