Yiya kwinkcazelo

UMzalwana uMudaheranwa nenkosikazi yakhe abangoovulindlela basendleleni eya emsebenzini

APRILI 6, 2020
EKHANADA

Abantu Abanoxolo Ngexesha Elinzima

Abantu Abanoxolo Ngexesha Elinzima

UMzalwana uJean-Yves nenkosikazi yakhe uVasthie Mudaheranwa banceda abantu abanecoronavirus eMontreal, eKhanada. UMzalwana uMudaheranwa ngugqirha esibhedlele, yena uDade Mudaheranwa ngunesi kwisibhedlele sabantu abanecoronavirus. Nangona abantu abaninzi benexhala kakhulu, uMzalwana noDade Mudaheranwa bathembe uYehova ukuba uza kubaqinisa, ibe ubanceda ‘bonwabe ezintliziyweni’ njengokuba wayethembisile.​—Isaya 65:14.

UMzalwana uMudaheranwa uthi: “Abantu abaninzi endisebenza nabo boyika ngendlela endingazange ndayibona.” UDade Mudaheranwa yena uthi: “Ukufunda izinto ezisisondeza kuThixo kuyasinceda. Siye sicinge ngezinto ezibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela size sizikhumbuze ukuba uYehova soze asilahle. Sincedwa nakukuthandaza. Ngaphambi kokuba ndiphangele ndiyathandaza, ibe loo nto indinceda ndizole.”

UMzalwana uMudaheranwa nenkosikazi yakhe bakwintlanganiso yebandla

UMzalwana uMudaheranwa uthi: “Ndisuka eRwanda, ibe ndasinda xa kwakubulawa abantu abaninzi ngenxa yobuhlanga. Zange yenzeka into enjalo apha eKhanada, ngoko ngamanye amaxesha sinokulibala ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Xa ndithetha inyani, nam bendingasoloko ndicinga ukuba imini kaYehova isondele kakhulu. Icoronavirus egcwele umhlaba wonke indenze ndaqiniseka kakhulu ukuba siphila kwimihla yokugqibela, ibe iluqinisile nokholo lwam eBhayibhileni nakwiziprofeto zayo.”

Abantu bakaYehova emhlabeni wonke banokholo njengoMzalwana noDade Mudaheranwa, ibe banoxolo ngeli xesha linzima.​—Isaya 48:18.