Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 22, 2015
EKHANADA

Abasemagunyeni KuMntla WeKhanada Osemaphandleni Babulela AmaNgqina KaYehova Ngephulo Lawo Lemfundiso YeBhayibhile Ekhethekileyo

Abasemagunyeni KuMntla WeKhanada Osemaphandleni Babulela AmaNgqina KaYehova Ngephulo Lawo Lemfundiso YeBhayibhile Ekhethekileyo

ETORONTO—AmaNgqina kaYehova amalunga ne-150 aba kwiphulo lemfundiso yeBhayibhile ekhethekileyo eyayilungiselelwe yiofisi yesebe yamaNgqina eKhanada, ngoSeptemba nango-Oktobha 2014. Kwenziwa amalungiselelo okuya kwimimandla esemaphandleni eyi-35 yeli lizwe.

Ngabantu abangaphezu kwe-32 000 abahlala kule mimandla iyi-35 yamaInuit eyayityelelwe ngamaNgqina, ephawulwe ngombala oqanda. Imimandla engaphezu kwemibini nephondo elenziwa kulo iphulo, iboniswe ngombala oluhlaza.

AmaNgqina akhutshwa ngokwamaqela aze abelwa kwiidolophu neelali ezisuka eAklavik, eNorthwest Territories, eKangiqsualujjuaq esentshona, naseQuebec esempuma, ummandla ongaphezu kweekhilomitha eziyi-3 300 (iimayile eziyi-2 000). Abo babekweli phulo babezibhatalela iindleko zokuhamba, kuquka nabo babehamba ngeenqwelo-moya ezibiza imali eninzi kumntu ngamnye.

Enye idolophu ashumayela kuyo amaNgqina yiPaulatuk. Inabemi abamalunga ne-300 yaye imi ngakunxweme loLwandle iBeaufort elikumntla weNorthwest Territories.

Ngaphambi kokuba kuyiwe kweli phulo, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lavuma ukuba kuguqulelwe ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? ngesi-Inuktitut. Olu lwimi lwamaInuit luthethwa ngabantu baseKhanada abamalunga ne-35 000 yaye lulwimi olusemthethweni eNunavut naseNorthwest Territories.

UNkszn. Velma Illasiak, inqununu yaseAklavik, wathi ngolu tyelelo lwamaNgqina: “Abafundi bazithande kakhulu iincwadi neevidiyo enibabonise zona yaye basacinga ngazo . . . Sicinga ukuodela umntwana ngamnye ofikisayo imiqulu emibini yencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo . . . Sinibulela kakhulu ngexesha lenu enilichithe kwisikolo sethu nakule lali yethu.”

Emva kokuba ethethe namaNgqina waza wabukela ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?, uMnu. Peter Iyaituk, usodolophu waseIvujivik ekumntla Quebec, wachitha iiyure ezimbini ejikelezisa iindwendwe ngemoto yakhe kuloo mmandla. Ngemini ezihamba ngayo wazisa kwisikhululo seenqwelo-moya waza wazibulela ngotyelelo lwazo.

UDavid Creamore, oliNgqina likaYehova, ubonisa uMnu. Peter Iyaituk ongusodolophu waseIvujivik ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?

UMatthieu Rozon, isithethi samaNgqina kaYehova eKhanada, uthi: “AmaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukufundisa bonke abantu iBhayibhile simahla. Abo bebenenxaxheba kweli phulo bavakalelwa kukuba belifanelwe ngumgudu namandla abo.”

Kweli phulo leenyanga ezimbini, amaNgqina ahambisa iincwadi ezingaphezu kwe-37 000. Abantu abaphantse babe yi-600 bacela ukuba amaNgqina abuye ukuze aqhubeke neengxubusho zeBhayibhile.

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Canada: Matthieu Rozon, tel. +905 873 4100

 

ISikhululo seenqwelo-moya iKuujjuarapik, eQuebec

Iqela lamaNgqina lifika eKuujjuarapik, idolophu ekwimpuma yeHudson Bay.

ESalluit, eQuebec

ISalluit ikumntla weQuebec, yaye inabemi abangaphezu kwe-1 300.

EIvujivik, eQuebec

I-Ivujivik ikumntla weQuebec yaye inabemi abaphantse babe yi-400.

EIvujivik, eQuebec

UDavid Creamore ujikeleziswa isixeko ngusodolophu waseIvujivik, uMnu. Peter Iyaituk.

EIvujivik, eQuebec

Ulutsha olungamaInuit lubukela ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?

EPaulatuk, eNorthwest Territories

Imizi isondela kuLwandle iBeaufort kwisiqithana somhlaba okule dolophu inabemi abamalunga ne-300.

EUmiujaq, eQuebec

Isibini esingamaInuit simemela elinye lamaNgqina atyeleleyo, uJulien Pinard, ekhayeni laso ukuba lize kuxubusha iBhayibhile kunye naso. Le dolophu inabemi abaphantse babe yi-450.

EUmiujaq, eQuebec

Abemi bale dolophu ikumntla weQuebec balungele ukufota noRoxanne Pinard (osekunene), omnye wamaNgqina atyeleleyo.

EPuvirnituq, eQuebec

Abantu abamalunga ne-1 700 bahlala kule lali ikumntla weQuebec.