JULAYI 25, 2017
EKHANADA
Umlilo Omkhulu EBritish Columbia, AmaNgqina Ame Ecaleni Kwendawo Yendibano
Iintsapho ezingaphezu kweziyi-130 ezingamaNgqina KaYehova azikhange zikwazi ukubuyela emakhayeni azo emva kwenkonzo yeentsuku ezintathu ebiqale ngoJulayi 7-9, 2017, ngenxa yomlilo kwiPrince George, eBritish Columbia, apho abasemagunyeni bakhuphe umyalelo wokuba mawucinywe loo mlilo.
Iofisi yesebe yaseKhanada, ekwiphondo laseOntario, yamisela ikomiti encedayo ngexesha lentlekele ukuze incede amaNgqina achaphazelekileyo ngeendawo zokuhlala nokutya. Abaphathi bendawo ekwakubanjelwe kuyo le nkonzo ngamaNgqina amalunga nayi-2 500, bavuma ukuba amaNgqina abeke iikharaveni zawo kweli bala lale ndawo ukuze alale khona okwexeshana.
IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova livelela umsebenzi wokunceda ngexesha lentlekele likwikomkhulu lehlabathi eWarwick, eNew York, lisebenzisa iminikelo yomsebenzi wamaNgqina owenziwa ehlabathini lonke.
Ongaqhagamshelana Nabo:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
EKhanada: UMatthieu Rozon, +1-905-873-4100