Yiya kwinkcazelo

MATSHI 2, 2015
EKYRGYZSTAN

Inkululeko Yonqulo Kwilizwe Elahluleleneyo LaseKyrgyzstan

Inkululeko Yonqulo Kwilizwe Elahluleleneyo LaseKyrgyzstan

NgoSeptemba 4, 2014, inkululeko yonqulo yahambela phambili eKyrgyzstan xa iSigqeba Somgaqo-siseko SeNkundla Ephakamileyo sathi iinxalenye ezikuMthetho Wonqulo Ka-2008 azikho kumgaqo-siseko. Oku kwavulela amaNgqina KaYehova ithuba lokuba abhaliswe ngokusemthethweni kwimimandla ekumzantsi weKyrgyzstan. *

Nangona kwenziwe esi sigqibo, iKomiti YePhondo Yemiba Yonqulo isakwalela ukubhalisa amaNgqina ngokusemthethweni kwimimandla ekumzantsi weKyrgyzstan. Le Komiti ime ngelithi, umthetho uza kuhlala usebenza ngale ndlela ubhalwe ngayo de ipalamente yenze utshintsho kuMthetho Wonqulo Ka-2008, ibe ngenxa yoko ayiwavumeli amaNgqina KaYehova ukuba abhaliswe ngokusemthethweni. Ngenxa yoko, umsebenzi owenziwa ngokukhululekileyo kwimimandla esemntla, uyathintelwa kwimimandla ekumzantsi weKyrgyzstan. *

Ukuvalelwa Ngenxa Yomsebenzi Wonqulo Olungabhaliswanga

NgoJuni 30, 2014, eNaryn, kwisixeko esikumzantsi-mpuma weKyrgyzstan, uZhyldyz Zhumalieva ona-46 wayesebenzisa ixesha lakhe ukuze athethe ngeenkolelo zakhe nabamelwane bakhe. Abasemagunyeni eNaryn bamvalela baza bambeka ityala ngenxa yokuba elilungu lenkonzo yasekuhlaleni engabhaliswanga nangokwabelana ngeenkolelo zakhe nabamelwane. * Oko iKyrgyzstan ililizwe elizimeleyo, kuyaqala ukuba kubekho iNgqina elitshutshiswa ngenxa yokwenza umsebenzi wonqulo.

UNkszn. Zhumalieva wabhena laza ityala lakhe lamanyelwa kwiNkundla YeNgingqi YaseNaryn ngoAgasti 5, 2014. Iijaji zampheka zimophula ngemibuzo emininzi, zifuna ukwazi ngamaNgqina KaYehova nomsebenzi wawo. Emva kokumamela, iijaji zalichitha eli tyala, zilinde ukuba kusebenze isigqibo ekuthethwe ngaso ngasentla seSigqeba Somgaqo-siseko.

Kamva, iNkundla YeNgingqi YaseNaryn yaphinda yalijonga eli tyala likaNkszn. Zhumalieva. Inkundla yafumanisa ukuba akaphulanga mthetho yaza yabonisa ukuba bonke abantu banelungelo ngokusemthethweni lokuqhelisela iinkolelo zabo. Inkundla yazikis’ ukucinga ngesigqibo seSigqeba Somgaqo-siseko yaza yaphawula ukuba amaNgqina KaYehova abhaliswe ngokusemthethweni kwilizwe laseKyrgyzstan. Yalichitha eli tyala, kodwa umtshutshisi wabhena ngelithi isigqibo seSigqeba Somgaqo-siseko besingenanto yakwenza nolwaphulo-mthetho. NgoDisemba 24, 2014, iNkundla Ephakamileyo, yasikhaba isibheno somtshutshisi ivumelana nesigqibo esathathwa yiNkundla Yengingqi YaseNaryn, sokuba uNkszn. Zhumalieva akanatyala yaye unelungelo lokwabelana nabamelwane bakhe ngeenkolelo zakhe ngokukhululekileyo.

Ubulungisa Nangona Etyholwa EOsh

Ngo-2013, uOksana Koriakina nomama wakhe uNadezhda Sergienko, banikwa isigwebo sokuba bangaphumi endlini, betyholwa ngelokuba bophule umthetho ngokwabelana nabanye ngeenkolelo zabo. Abasemagunyeni eOsh basebenzisa ezi zityholo ngelithi amaNgqina KaYehova enza umsebenzi wonqulo abathi awukho semthethweni. Beme ngelithi, ngaphandle kokuba abhaliswe ngokusemthethweni, amaNgqina KaYehova awavumelekanga nangayiphi na indlela ukwenza umsebenzi wawo esidlangalaleni.

Inkundla yaseOsh yawafumana engenatyala la mabhinqa. Kwisigwebo sayo sango-Oktobha 7, 2014, ijaji yagqiba ngelithi abacuphi benze iimpazamo ezininzi kuphando lwabo yaye batshutshisa uNkszn. Koriakina noNkszn. Sergienko kuba nje bengamaNgqina KaYehova.

Umtshutshisi waseOsh wafaka isibheno ephikisana nesigwebo senkundla. Wacebisa ukuba eli tyala libuyiselwe kubacuphi, balungise eza mpazamo zabo ukuze uNkszn. Koriakina noNkszn. Sergienko baphinde beze kuma phambi kwenkundla. Xa inkundla yasikhabayo isicelo salo mtshutshisi, waye wabhenela kwiNkundla Ephakamileyo YaseKyrgyzstan. INkundla iza kuphulaphula eli tyala ngoMatshi 3, 2015, yaye amaNgqina anethemba lokuba isigqibo esiza kwenziwa siya kuba sesobulungisa.

Ngaba IKyrgyzstan Iza Kuyixhasa Okanye Iza Kuyichitha Inkululeko Yonqulo?

Omnye wamaNgqina KaYehova owayekhona kwityala likaNkszn. Zhumalieva wathi: “Ukususela ngo-1998, abasemagunyeni basekuhlaleni bebesicinezela kuba singabhaliswanga ngokusemthethweni eNaryn. Ngenxa yezi zigqibo zeNkundla Ephakamileyo, sinethemba lokuba ekugqibeleni siza kubhaliswa ngokusemthethweni.”

AmaNgqina KaYehova akhangele phambili ekubeni abhaliswe ngokusemthethweni eNaryn, eOsh nakwezinye iindawo ezikumzantsi weKyrgyzstan ukuze akwazi ukuqhubeka ewenza ngokukhululekileyo umsebenzi wawo. Ukuba iKyrgyzstan iyavumelana nenkundla ephakamileyo yayo, iya kubanika inkululeko yonqulo engakumbi bonke abantu balapho.

^ isiqe. 2 Funda inqaku elinomxholo othi, “iNkundla Ephakamileyo YaseKyrgyzstan Ithethelela AmaNgqina KaYehova” ukuze ufumane inkcazelo engesigqibo seSigqeba Somgaqo-siseko SeNkundla Ephakamileyo esenziwa ngoSeptemba 4, 2014.

^ isiqe. 3 AmaNgqina abhaliswe ngokusemthethweni elizweni nakwiingingqi ezisemntla kweli lizwe. Kodwa ke, abasemagunyeni baqhubeka bezikhaba izicelo zokuwabhalisa ngokusemthethweni kwiingingqi ezikumzantsi.

^ isiqe. 5 Umthetho 395(2) woMthetho Wezolawulo waseKyrgyz Republic uyakwalela ukungathotyelwa “kwemigaqo yokuba neentlanganiso zonqulo neminye imibhiyozo yonqulo.”