Yiya kwinkcazelo

MATSHI 1, 2016
EKYRGYZSTAN

Ngaba Kuza Kwenziwa Ubulungisa Kumaxhoba Enkohlakalo Yamapolisa EOsh?

Ngaba Kuza Kwenziwa Ubulungisa Kumaxhoba Enkohlakalo Yamapolisa EOsh?

Okwesihlandlo sesithathu, Umtshutshisi Oyintloko WaseKyrgyzstan wayalela iOfisi Yomtshutshisi YaseOsh ukuba yenze uphando ngolwaphulo-mthetho olwenziwa ngamapolisa alishumi. NgoAgasti 2015, la mapolisa avele nje angena ngoxa amaNgqina KaYehova ayekwiintlanganiso zawo zonqulo aza ababetha kanobom abantu abaliqela ababelapho. Nakuba icacile into yokuba la mapolisa enza into engafanelekanga, iOfisi Yomtshutshisi Yesixeko SaseOsh iye yala ukwenza uphando ngolu lwaphulo-mthetho.

Ukungena Kwawo Engalindelwanga Nenkohlakalo Yamapolisa

NgoAgasti 9, 2015 kwakusasa ngalo Cawa, amapolisa alishumi asuka kwiDepartment 10 * eOsh avela nje angena ngoxa kwakukho intlanganiso yonqulo kwindawo erentiweyo ibe apho kwakukho abantu abangaphezu kwabayi-40. Elinye ipolisa lakhwaza uNurlan Usupbaev, owayeqhuba intlanganiso, lisithi makayeke ukuthetha kuba ayikho semthethweni le ntlanganiso. La mapolisa ngokuphindaphindiweyo agrogrisa ngokudubula wonke umntu owayelapho. Xa omnye kwababelapho, uTynchtyk Olzhobayev, wazama ukwenza ividiyo yoko kwakusenziwa ngamapolisa, amthatha aza amsa kwelinye igumbi aza ambetha kakhulu.

Amapolisa athatha amadoda alishumi kuloo maNgqina aza awasa kwisikhululo sawo. Akufika apho awabetha kakhulu amathandathu aza akrwitsha amathathu kuquka noMnumzan’ u-Usupbaev. La madoda akhululwa ngolo suku ibe lawo ayenzakele kakhulu aya esibhedlele.

Kwiintsuku ezimbini kamva, ngoAgasti 11, ipolisa elinguKozhobek Kozubayev nelinguNurbek Sherikbayev, la kanye ayeyalele ukuba kungenwe kuze kubethwe abantu kwintlanganiso yonqulo, avalela uMnumzan’ u-Usupbaev ngesityholo sokuba wenza umsebenzi ongekho mthethweni. Wayeza kuvela phambi kweNkundla Yesixeko SaseOsh ngoAgasti 20 nange-21.

Iinkundla Zixhasa Ilungelo LamaNgqina Lokunqula

Ebudeni belo tyala, ummeli weDepartment 10 wema ngelithi, intlanganiso yonqulo ebingoAgasti 9 ibingekho semthethweni kuba amaNgqina KaYehova akabhaliswanga ngokusemthethweni eOsh. Kwakhona umtshutshisi wathi, ukubakho kwabantwana kule ntlanganiso kunye nabazali babo kunxamnye nomthetho wonqulo waseKyrgyzstan, kuba wona uyakwalela ukuya kwabantwana kwiintlangano zonqulo.

NgoAgasti 21, ijaji enkulu yeNkundla Yesixeko SaseOsh yafumana uMnumzan’ u-Usupbaev engenatyala ngokwenza imisebenzi yonqulu ngokungekho-mthethweni. Inkundla yafikelela kwisigqibo sokuba eli tyala lirhoxiswe, kuba babungekho ubungqina bokuba umsebenzi wonqulo wawenza ngokungekho mthethweni nokuba wanyanzela nabantwana ukuba baye kwintlanganiso yonqulo.

Umtshutshisi Wesixeko SaseOsh wafaka isibheno kwiNkundla Yenqila esinxamnye nokwaziswa kukaMnumzana u-Usupbaev ukuba akanatyala. Inkundla yenqila yasikhaba isibheno somtshutshisi yaza yaxhasa isigqibo senkundla sokuba uMnumzan’ u-Usupbaev akanatyala. Inkundla yenqila yayiphindaphinda into yokuba amaNgqina KaYehova yintlangano yonqulo ebhaliswe ngokusemthethweni eKyrgyzstan. Kwakhona inkundla yafumanisa ukuba iSigqeba Somgaqo-siseko SeNkundla Ephakamileyo satsho ukuba inxalenye yomthetho waseKyrgyzstan ofuna ukuba iinkonzo zasekuhlaleni zibhaliswe awukho kumgaqo-siseko. * Sekunjalo, umtshutshisi wabhena kwiNkundla Ephezulu ibe iNkundla iza kuxoxa elo tyala ngoMatshi 2, 2016.

Umtshutshisi Wasekuhlaleni Uyalela Ukuba Kuphandwe Ngamapolisa

Ngoxa ityala lakhe lalixoxwa, uMnumzan’ u-Usupbaev kuquka nabanye ababebethwe kanobom ngoAgasti 9 bamangala kwiOfisi Yomtshutshisi Yesixeko SaseOsh. Bacela ukuba izityholo zityatyekwe amapolisa alishumi awawabethayo. Oko kwaba sisiqalo sokufakwa kwezibheno. Kangangezihlandlo ezithathu Umtshutshisi Wesixeko SaseOsh wala ukuxoxa eli tyala ibe sihlandlo ngasinye amaxhoba abhena. Kangangezihlandlo ezibini uMtshutshisi Oyintloko walibuyisela kuMtshutshisi Wesixeko SaseOsh ibe wayalela ukuba liphindwe lixoxwe. Emva kokuba efumene isibheno samaxhoba okwesihlandlo sesithathu, kunokuba alijonge eli tyala ngokwakhe, uMtshutshisi Oyintloko walibuyisela kuMtshutshisi Wesixeko SaseOsh ukuze enze isigqibo. Umyalelo wokugqibela woMtshutshisi Oyintloko wangoJanuwari 21, 2016, uphakamisa umbuzo wokuba amaxhoba aya kuze abufumane kusini na ubulungisa.

AmaNgqina KaYehova eKyrgyzstan ayakuvuyela ukubhaliswa nemiyalelo yakutshanje yenkundla yaseOsh. Ayayixabisa indlela ijaji eziye zayisombulula ngayo le nyewe ngokuthobela umyalelo nangokuxhasa umthetho karhulumente wokuba abantu banqule ngokukhululekileyo. Sekunjalo, axhalabile kuba amagosa karhulumente khange enze sigqibo sabulungisa ngamapolisa awabethileyo. AmaNgqina KaYehova abongoza iofisi Yomtshutshisi Oyintloko ukuba yenze isigqibo esicacileyo ize ibagwebe abo bebewaphethe ngenkohlakalo amaNgqina.

^ isiqe. 4 IDepartment 10 lisebe leKyrgyzstan’s Ministry of Internal Affairs.

^ isiqe. 10 Isigqibo esenziwa ngoSeptemba 4, 2014. Jonga inqaku elithi, “INkundla YaseKyrgyzstan Ixhasa Inkululeko Yonqulo YamaNgqina KaYehova.”