Yiya kwinkcazelo

MEYI 24, 2023
ELATVIA

INguqulelo Yehlabathi Elitsha NgesiLatvian Ibekwe Kumboniso Weencwadi ERiga

INguqulelo Yehlabathi Elitsha NgesiLatvian Ibekwe Kumboniso Weencwadi ERiga

Ekuqaleni kukaMatshi 2023, bangaphezu kwe-21 000 abantu ababekhona Kumboniso Weencwadi kwidolophu yaseRiga eLatvia. Abazalwana noodade bebewenza okwesixhenxe lo mboniso, kodwa bebeqala ukuwenza emva kweKhorona. Bavuya kakhulu kuba beza kukwazi ukubonisa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha Yezibhalo Ezingcwele ngesiLatvian, eyakhululwa ngo-2020.

Kulo mboniso eyona nto yayibalulekile kukubonisa abantu igama likaThixo uYehova. Abantu ababelapho bothuka kukubona ukuba igama likaYehova lalikhona kwinguqulelo yokuqala yesiLatvian eyakhutshwa ngo-1689. Baphinda bothuka xa bafumanisa ukuba kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha igama likaThixo libuyiselwe ibe livela ngaphezu kwe-7 000 eBhayibhileni.

Zikhona nezinye izinto ezabenza banomdla abantu kule Nguqulelo Yehlabathi Elitsha. Enye indoda esebenza kwindawo eyenza iincwadi iye yathi le Bhayibhile yenziwe kakuhle ibe ikumgangatho ophezulu. Yathi kuyacaca ukuba le Bhayibhile yenzelwe ukusetyenziswa yonke imihla.

Emva kokuba efumene eyakhe ikopi, omnye umntu owayelapho wavuya kakhulu kuba wathi le Nguqulelo Yehlabathi Elitsha intsha nentle ibhalwe ngendlela ekulula ukuyifunda. Uthi xa wayezama ukufunda iBhayibhile ngaphambili wayeka phakathi, kuba ezinye iinguqulelo kwakunzima ukuzifunda. Ngoku ukhangele phambili ukufunda iNguqulelo Yehlabathi Elitsha nentombi yakhe. Emva kosuku lwesithathu kulo mboniso kwahanjiswa iikopi zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngesiLatvian eziyi-130.

Abazalwana noodade bangaphakathi Kwindawo Ekuboniswa Kuyo Iincwadi ELatvia

Abo babekhona kulo mboniso bakuvuyela ukwazisa abanye ngeBhayibhile noMbhali wayo. Evuya, omnye udade wathi: “Ndandiqala ukunceda abantu balazi igama likaYehova ngeentsuku nje ezimbalwa!”

Ngoku kukho abavakalisi abangaphezu kwe-2 100 eLatvia. Sivuyisana nabo kunye nabanye abanomdla kwiLizwi likaThixo, kuba le nguqulelo intsha ibanceda basondele ngakumbi kuYehova.​—Yakobi 1:17.