Yiya kwinkcazelo

JANUWARI 25, 2018
EMADAGASCAR

INkanyamba UAva Yonakalisile EMadagascar

INkanyamba UAva Yonakalisile EMadagascar

NgoJanuwari 5, 2018 eMadagascar bekukho iNkanyamba uAva eye yonakalisa kakhulu. Abasemagunyeni bathi kusweleke abantu abayi-51 ibe abaninzi baye bafuduswa.

Okwangoku iofisi yesebe eseMadagascar ithi akukho bazalwana baswelekileyo. Sekunjalo, kuye konakala izindlu eziyi-45 neeHolo zoBukumkani ezintandathu. Le nkanyamba iye yatshabalalisa nezityalo, nto leyo abazalwana abaninzi ebebeziphilisa ngayo. Ikomiti enceda xa kukho intlekele iye yamiselwa ukuze inike abazalwana noodade izinto abazidingayo njengokutya, impahla nendawo yokuhlala yokwexeshana. Abazalwana ababini abasuka kwiofisi yesebe bayile kule ndawo inentlekele baza bazikhuthaza ngezibhalo zonke iintsapho ezithwaxwe yiyo.

IQumrhu Elilawulayo lisebenzisa iminikelo enikwa amaNgqina asehlabathini lonke yomsebenzi wokushumayela ukuze incede xa kukho iintlekele kuquka nale nkanyamba. Sithandazela ukuba uYehova aqhubeke ebanceda abazalwana noodade baseMadagascar.—INdumiso 9:9, 10.

Ongaqhagamshelana Nabo:

EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EMadagascar: URinera Rakotomalala, +261-33-37-012-91