JULAYI 12, 2019
EMERIKA
EMiami, EMerika (Isingesi)—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe
Usuku: Julayi 5-7, 2019
Indawo: EMarlins Park eMiami, eseFlorida, eMerika
Iilwimi Ebiqhutywa Ngazo Indibano: IsiNgesi, isiChinese Mandarin
Abantu Ababekhona: 28 000
Abantu Ababhaptizwayo: 181
Iindwendwe Ezisuka Kwamanye Amazwe: 5 000
Iindawo Ezimenyiweyo: IAustralasia, iBrazil, iBritani, iKhanada, iColombia, iDominican Republic, iFiji, iGhana, iGrisi, iHong Kong, i-Israel, iJapan, iNetherlands, iScandinavia, iMzantsi Afrika, iSpeyin, iTaiwan, iTrinidad neTobago, iUkraine
Izinto Ezathethwa Ngabantu Basekuhlaleni: UFrancis X. Suarez, ongumeya kwedolophu yaseMiami waya kwindawo ebinendibano ngeCawa. Wathi: “Ndiyawuthanda lo mxholo othi ‘Uthando Soze Luphele’! Uyakhuthaza.” Waphinda wathi: “Ndicinga ukuba kunganceda ukuba neenkonzo ezinkulu njengale kwiidolophu ezinkulu eMerika okanye nakweyiphi indawo.”
Abantwana abasebatsha nabancinci nabo bamkela iindwendwe kwiAirport yaseMiami
Iindwendwe noodade basekuhlaleni bamemela abantu kwindibano
Iindwendwe zifumana iikopi zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiTshayina ehlaziyiweyo eyakhululwa ngoLwesihlanu
Iindwendwe zithatha amanqaku endibanweni
Abantu abathathu kwabayi-181 abaye babhaptizwa
Abazalwana noodade basekuhlaleni babulisa iindwendwe futhi bazipha nezipho
Abazalwana noodade abangabathunywa bevangeli nabakhonza eBheteli kwamanye amazwe basebaleni babhabhayisa abantu abasendibanweni ngemva kwemini yangeCawa
UMzalwan’ uLösch ubulisa abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo ekhethekileyo emva kocwangciso lwangeCawa
Abantwana baculela iindwendwe