Yiya kwinkcazelo

AGASTI 23, 2019
EMERIKA

ESt. Louis, EMerika—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe

ESt. Louis, EMerika—2019 “Uthando Soze Luphele”! Indibano Yezizwe Ngezizwe
  • Umhla: Agasti 16-18, 2019

  • Indawo: E-The Dome at America’s Center, eSt. Louis, eMissouri, eMerika

  • Iiwimi Ebiqhutywa Ngazo Indibano: IsiNgesi, isiCroatia

  • Abantu Ababekhona: 28 122

  • Abantu Ababhaptizwayo: 224

  • Iindwendwe Ezisuka Kwamanye Amazwe: 5 000

  • Iindawo Ezimenyiweyo: iArgentina, iAustralasia, iBritani, iCanada, iCentral Europe, iColombia, iCroatia, iCzech-Slovak, iFinland, iFrance, iJapan, iPhilippines, iPoland, iPortugal, iScandinavia, iSerbia, neMzantsi Afrika

  • Izinto Ezathethwa Ngabantu Basekuhlaleni: UMartin Gulley, ongumphathi wezonxibelelwano kwaMetrolink wathi: “Abanye abantu basenokuthi ndiyamthanda la mntu okanye bathi ndiyayithanda into ethile kodwa uthando lokwenene lubonakala ngezenzo. Nina maNgqina KaYehova, nilubonisa ngezenzo olwenu uthando. Abantu abaphakamileyo abanalo uthando, kodwa kuba ninothando, ningabantu abathobekileyo. Umntu undibona ngale bheji ndiyinxibileyo ukuba ndiphangela eMetrolink. Nina, nibonakala ngothando ukuba ningamaNgqina KaYehova.”

    UJerry Vallely ongumphathi wezonxibelelwano kwinkampani ekhuthaza ezoqoqosho, iBi-State Development wathi: “Xa nilungiselela ezi ndibano zenu, anenzi nje uphela sonwabe kodwa niyaqiniseka ukuba iindwendwe zenu zonwaba nyhani. Nicingela wonke umntu, kungakhathaliseki ukuba ngabahlobo benu okanye ngabasebenzi bale dolophu. Kwakhona, niyazama ukuqiniseka ukuba zonke izinto zihamba kakuhle ibe akukho mntu ukhalazayo.”

 

Abazalwana noodade balinde iindwendwe ezize endibanweni eSt. Louis Lambert International Airport

Iindwendwe zishumayela ngetroli nabazalwana noodade eSt Louis

Abazalwana noodade bacoca indawo eza kuba nendibano i“The Dome”

Abathathu, kubazalwana noodade abayi-224 ababhaptiziweyo

Umzalwana uDavid Splane, olilungu leQumrhu Elilawulayo, unikela intetho yokugqibela yalendibano

Uvuyo lubhalwe ebusweni beendwendwe njengoko zimamele ucwangciso

Ngosuku lokugqibela lwendibano, abazalwana noodade abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo abaziindwendwe babulisa abantu abalapho

Abazalwana noodade bafota neendwendwe

Iindwendwe zibuka izilwanyana kwiZoo yaseSaint Louis

Iindwendwe zibuka iBhayibhile—iKing James Version yokuqala yango 1611—ivulwe kwiNdumiso 83:18 kwilayibrari kawonke-wonke yaseSt.Louis. Abantu base layibrari baye bayivula ngqo kwesi sibhalo belungiselela iindwendwe

Abazalwana noodade abasebatsha baculela iindwendwe ngenye ingokuhlwa