Yiya kwinkcazelo

Izaqhwithi ziyihlasele ngokuphinda phindiweyo iCalifornia, eMerika, ibe zonakalise indawo ezininzi

JANUWARI 19, 2023
EMERIKA

Izaqhwithi Eziyingozi Zihlasele Intshona Merika

Izaqhwithi Eziyingozi Zihlasele Intshona Merika

NgoJanuwari 4 2023, ikhephu elininzi, imvula enamandla, nomoya ovuthuza kakhulu ziye zamosha eCalifornia, eMerika. Ezi zaqhwithi zinamandla ziye zabangela kwakho izikhukula, udaka oluninzi, kwaza kwamoshakala nombane apho. Abantu abaninzi kuye kwafuneka bashiye izindlu zabo, ibe abayi-19 baye basweleka. Ezi zaqhwithi zenze kwezinye iindawo kwintsuku nje ezimbalwa, kwanetha imvula abaqhele ukuyifumana xa kunethe phantse ihafu yonyaka..

Izinto ezenzekileyo kubazalwana noodadewethu

  • Akukho nomnye umzalwana okanye udade owaswelekayo

  • Abavakalisi abayi-199 bashiyeke bengenamakhaya

  • Amakhaya ayi-4 amoshakele kakhulu

  • Ayi-141 amoshakele kancinci

  • IiHolo zoBukumkani eziyi-23 zimoshakele nje kancinci

  • Iofisi yokuguqulela enye imoshakele kancinci

Iindlela Zokunceda

  • Abaveleli beziphaluka nabadala basekuhlaleni baye baya kunceda emakhayeni abazalwana abehlelwe yile ntlekele

  • Amakhaya ayi-44 alungiselelwe nje ukuba kungahlalwa kuwo okwexeshana

  • Ayi-15 wona alungiswe kakuhle

Siqinisekile ukuba uYehova uyabathuthuzela aba bazalwana ngeli xesha lale ngxaki banayo.—INdumiso 50:15.