Yiya kwinkcazelo

Iindibano Zengingqi Zika-2023 Ezinomxholo Othi “Yibani Nomonde”! ENewburgh, ENew York, U.S.A.

MEYI 15, 2023
EMERIKA

Kuqalisa Iindibano Zengingqi Zika-2023 Ezinomxholo Othi “Yibani Nomonde”!

Kuqalisa Iindibano Zengingqi Zika-2023 Ezinomxholo Othi “Yibani Nomonde”!

Iindibano zengingqi zaye zamiswa ngoMatshi 2020 ngenxa yeKhorona. Kulo nyaka kuza kuqhutywa iiNdibano zeNgingqi eziyi-6 000 ezithi “Yibani Nomonde”! emhlabeni wonke ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-500. Indibano yokuqala yabakho ngoMeyi 12 ukuya kwi-14, 2023.

Kubantu abayi-1 800 ababelapho kuloo ndibano kwiHolo Yendibano yamaNgqina kaYehova eseNewburgh eNew York, eU.S.A, kwakukho uDade Khrystine Torres. Uthi: “Xa usihlalo wathi: ‘Namkelekile,’ bonke ababelapho baqhwaba. Sonke sasikuvuyela ukuba lapho.” Umzalwana uDuane Smith, owayelapho uthi: “Bonke abantu babonwabile, nabahlobo babekuvuyela ukuphinda babonane.”

Udade Jessica Dolcemascolo, owabhaptizwa ngexesha leKhorona, wayeqala ukubakho kuloo ndibano. Xa wayechaza indlela awayeziva ngayo wathi: “Indlela endandivuya ngayo nothando endalufumana apho yayingathi ndibona umhlobo wam endamgqibela kudala.” Udade Noemi Tinajero oneminyaka eyi-18, owabhaptizwa ekuqaleni konyaka uthi: “Ubona iintsapho nabahlobo abonwabileyo. . . . Kuvele kube ngathi sele ukwihlabathi elitsha.”

Oodade bafika kwindibano yaseNewburgh kusasa ngoLwesihlanu

Abaninzi bayithandile kakhulu le ndibano ibithetha ngomonde. UMzalwana uSam Huh wathi: “Kunzima kakhulu ukuba nomonde. Ngoko siye sakhunjuzwa ukuba simele silinganise uphawu oluhle lukaYehova lokuba nomonde.” Udade Frenchie Smith wathi: “Le ndibano indifundise ukuba umonde ubalulekile kuyo yonke into. Sifundiswe izinto ezisincedileyo kule ndibano.”

Bakhuthazekile abo baye banethuba elihle lokuya kwindibano yokuqala eNewburgh, eNew York! Nathi, kunye nabantu abayimiliyon emhlabeni wonke, sikhangele phambili ekufundisweni ngeBhayibhile kwiinyanga ezimbalwa ezizayo.—INdumiso 122:1