Yiya kwinkcazelo

Iitroli zeencwadi zethu kwiindawo ezahlukahlukeneyo eLas Vegas, eNevada, eseU.S.A.

MATSHI 5, 2024
EMERIKA

Ngeveki yeSuper Bowl Abantu Abaninzi Abangafaniyo Baye Beva Umyalezo WeBhayibhile

Ngeveki yeSuper Bowl Abantu Abaninzi Abangafaniyo Baye Beva Umyalezo WeBhayibhile

NgoFebruwari 11, 2024, eLas Vegas eNevada, eseU.S.A, bekukho umdlalo webhola odumileyo okuthiwa yiSuper Bowl eMerika. Kwiveki yalo mdlalo kuye kwafika abantu abamalunga nabayi-300 000 ababezokubukela. Bekubekwe iitroli ezinamaphecana kwiindawo eziyi-50 ezahlukahlukeneyo eLas Vegas, eBoulevard. Esi sesinye sezona zitrato zinabantu abaninzi. Ezi ncwadi zeBhayibhile bezifumaneka ngeelwimi eziyi-9. Ibingabazalwana noodade abayi-1 500 abebekhona kweli phulo. Le ilandelayo yeminye yemizekelo emihle yendlela abantu abaye basabela ngayo xa abazalwana noodade babesenza eli phulo.

Enye indoda yayidlula kwitroli eyayinomxholo othi: “Umhlaba Usengxakini Ngaba Uza Kusinda?”. Yajika yakuwubona yaza yaya kumaNgqina awayesecaleni kwalo troli. Yawaxelela ngendlela emkhathaza ngayo imeko okuwo umhlaba. Yakuvuyela ukuva isithembiso soxolo esikuYeremiya 29:11. Yahlala ixesha elingaphezu kweyure kulo troli incokola nabazalwana. Ngaphambi kokuba ihambe, yabaxelela ukuba ifuna ukuya ezintlanganisweni zamaNgqina.

Oodade bancokola nentsapho esondele kwitroli yencwadi zethu

Kwindawo ekufutshane nelo bala lebhola, enye indoda engunogada welo bala yabona enye yeetroli zethu nayo eyayinomxholo othi: “Umhlaba Usengxakini Ngaba Uza Kusinda?”. Kodwa kuba yayisesemsebenzini, yaxelela abazalwana ababeme nalo troli ukuba xa iphuma iza kuya kubo. Khange kubekudala, le ndoda yabuyela kubo yaza yabaxelela ukuba iqalisile ukuzifundela iBhayibhile yodwa. Abazalwana bamxelela ngesifundo sethu seBhayibhile ibe yaba nomdla wokufunda okungakumbi. Baye benza iindlela zokuba kubekho umzalwana oza kuphinda adibane nayo.

Omnye umama okwadityanwa naye kwindlu ngendlu kusuku elalingaphambi kwalo mdlalo. Wachaza ukuba ubone ezindabeni kuthethwa ngeetroli zethu. Waza wathi: “Umhle lo msebenzi niwenzayo. Siyayidinga into eza kusinika ithemba kula maxesha anzima.” Waye wabuza indawo nexesha ayengena ngalo amaNgqina kaYehova akufutshane nendawo ahlala kuyo.

Siyavuya kuba abantu besiva xa ‘ubulumko bokwenene busitsho ngesikhalo’ kwiindawo zika wonke-wonke ngenxa yamaphulo akhethekileyo okushumayela. Yonke lento izukisa uThixo wethu uYehova.—IMizekeliso 1:20, 21.